Abemi boMzantsi Afrika bathi masibuyiswe isigwebo sentambo
14 EyeNkanga 2024 – 27 EyeNkanga 2024
Intatheli kaDizindaba
Isimbonono ebekhe sabakho ngokubuyiswa kwesigwebo sentambo sibonakala siphinde savuseleleka emva kweziganeko zokubulawa kwabantu eLusikisiki naseMthatha kutshanje. Ngaphambili bekusoloko kuvakala esi simbono kumanina kuphela ngokutsho kwabo basemfuthweni wolwazi nalapho amanina ebekhala ngabo badlwengulayo zebabulale ixhoba kodwa baphinde babonwe bedakasa Phakathi kwabantu.
Kuvakala okokuba esi sinyanzeliso ngokubuyiswa kwesigwebo sentambo sithe savuka kakhulu emva kweziganeko zokubulawa kwabantu abali 18 phaya kwilali yase Ngobozana apha eLusikisiki. Ezinye zezi ziganeko ezithe zavusa isikhalo kuRhulumente ngokubuyiswa kwesigwebo sentambo ibe zezo zenzeke eBityi nase Mqekezweni eMthatha.
Esibonakala sivuse umnyele kakhulu seso sokubulawa komama waseBukhosini kuBathembu lowo ingumama uMtirara nogwintelwe ekhayeni lakhe kuMkhulu. Umzi wabaTembu nokuwo onke amaphondo eli uvakale ukhala kakhulu ngezi ziganeko noninzi lwabo luthi kwa lowo weza nankululeko yeli lizwe, unkosi uDalibhunga (Nelson Mandela) uphuma kumnombo wakwa Mtirara ooMadiba.
Omnye wamadoda abesaziwa kakhulu kwiqela lebhola ekhatywa eMthatha, iTembu Royals, umnumzana Tembelani Danisa osele ese Lehurutse eMntla Koloni uthe: “Thina bantu sakhulela phantsi koRhulument ka Kaizer Matanzima uMadiba ngokwakhe sakhulela phantsi kolawulo olwalululo. Wabalala nje kwaze kwafumaniseka kukho ubungqina ubuxhonywa kungekudala. Okusivisa intlanga ke thina singaBatembu kukuba konke oku kungabikho unkosi uDalibhunga.
Bona abasemfuthweni bathi ukungaxhonywa kombulali kukungaqo siseko (constitution) eyasayinwa yavunywa nguMongameli wokuqala weli lizwe ubawo uNelson Mandela. Bathi kodwa ngoku ukuguqulwa kwalo mgaqo siseko kungathathe ixesha elide. Uninzi lwabo bantu bafuna sibuyiswe isigwebo sentambo kuvakala okoku baphaya kumnyinge we 80% logama abachaseneyo noku bephaya ku 20%. Abazaziyo iindaba bezithanda futhi bathi lo myinge ka 20% ngabo bathi bona bangama krestu yaye ukuxhoma umntu asinto ilungileyo. Kuvakala okokuba bona bathi isigwebo sentambo silwa namalungelo abantu.
Yena umama waphaya KwaMashu eThekweni, umama uBusisiwe Mzamane uthe: “Mna ndathi ndadlwengulelwa umntwana wam waze wabulawa waza lowo wenza oku kwathiwa ugwetywe iminyaka eyi 12 ethothoza ejele. Kodwa emva kwexeshana sambona edakasa phaya kooDurban Beachfront onwabile kusithiwa waye wakhululwa ngeParole. Fana ucinge ukuba umntu akuvise kabuhlungu aze ahlale epholile phaya ejele kwaye esondliwa nguwe nge TAX yakho.”
Abanye babantu abaninzi bakhala ngokuba ezi zigila mkhuba nababulali balala ezibhedini, batya kathathu ngemini yaye bengasebenzi nzima njengexesha loRhulumente ekwakusithiwa ngowe ngcinezelo.


