HealthLocalNews

Isankxwe ngomsitho kaGawulayo eSajonisi

28 EyeNkanga 2024 – 11 KweyoMnga 2024

Intatheli: Monwabisi Khininda

USodolophu wasePort St. Johns uCebisa Mazuza unyanzelisa ukufumana iimpendulo kumagosa karhulumente emva kokuba abahlali baseMajola begcadwe yingqatsini yelanga kungekho ndawo yakuqhubela umsitho weWorld Aids Day ngoLwesihlanu. Nangona amagosa elisebe exolisile kubahlali kodwa akucaci ukuba kutheni efedile ukuququzelela intente okanye iholo. Abahlali abaquka iinkondekazi bachithe iiyure eziliqela kwingqatsini yelanga bexhamla iinkonzo zezempilo.

Abanye bekhala ngendlala ebomvu kungekho namanzi. “Ukuba bendingazalwa apha eMajola ngendijikile ndisoyika ihlazo ndinentloni zenu. Ndifuna iimpendulo, kwenzeke ntoni ukuze sifikelele kwimeko yokubambela umsitho phantsi kwemithi.Ibingezonjongo zethu ukuba abantu bahlale phandle. Ndiyaxolisa egameni likarhulumente kodwa bazophendula.” kutsho uSodolophu uCebisa Mazuza.

INkosi yelali yakuMachibi uZanoxolo Meji uthe: “Ndiyamxolisela urhulumente ngento eyenzekileyo kodwa iinkonzo zona maziye ebentwini nokuba bahleli phantsi kwemithi. Ngomso akuzufana nanamhlanje.”Unozakuzaku wentsholongwane kaGawulayo ePort St. Johns uthe wakhuthaza abantu ukuba batye amachiza abo ukuze bahlale besempilweni.

UThembelani Landu wesebe lezeMpilo eNyandeni uthe: “Sinengxaki yabantwana abakhulelwa beneminyaka elishumi ubudala, bagqibela besosulwa zizifo. Sikhuthaza bohlukane nokwabelana ngesondo.Abo selebeqhuba basebenzise iintsilathi (condoms). Masixhase abantu abaphila ngamachiza. ”Phakathi kwamasebe abekhona aquka isebe loPhuhliso Lwentlalo, SASSA, SONGE SOCIAL CHANGE, Aquity, SHE, TB HIV Care namanye.