LocalNewsSports

I-South African Football Association (SAFA) ikhuthaza bonke abaqeqeshi

28 EyeNkanga 2024 – 11 KweyoMnga 2024 

Intatheli: Anele Raziya

I-South African Football Association (SAFA) ikhuthaza bonke abaqeqeshi abasakhulayo ukuba bafumane iincwadi zokuqeqesha ukuze bazokwazi ukuvelisa abadlali abagqibeleleyo.

Ezi ntetho zilandela emva kokuba iNozulu Youth Legacy Cup ikunye neMnquma Local Football Association (Mnquma LFA) bezikhwebe iSAFA ukuba izokuhlohla abaqeqeshi kwiCAF D license coaching course.

Olu qeqesho lweCAF D lecense coaching course belubanjelwe eLilitha Boutique hotel eGcuwa uqala ngomhla wethoba uyokuma kumhla weshumi elinesithandu (09-16 Novemba).

Abaqeqeshi abasakhulayo abangamashumi amabini anesithandathu (26) ebebephuma kwindawo ezahlukeneyo eMpuma Koloni bebeyinxalenye yolu qeqesho.

ULuxolo Matikinca ongumseki weNozulu Youth Legacy Cup, uMphathiswa wezeMidlalo ephondonweni, uSibulele Ngongo, abahlohli ebebephuma (instructors) kwiSAFA bekhokelwa nguDesmond Lewis kwakunye namalungu weMnquma LFA ebeyinxalenye yabantu ebebezimase olu qeqesho. 

Ethetha kulo msitho, uMatikinca uthe injongo zokhweba iSAFA ukuba izokutitsha abaqeqesha ngeCAF D license kungokuba befuna ukuphuhlisa ibhola ekhatywayo ingakumbi kwindawo ezisemaphandleni.

Uqhube wathi kweli xesha siphila kulo kudingeka ukuba abaqeqeshi bazixhobise kangangoko benako ngolwazi lwebhola ekhatywayo kwaye babenazo neencwadi zokuqeqesha.

UMatikinca uvalelise ngelithi uvuye kakhulu kubona abaqeqeshi abasakhulayo bephume ngobuninzi uzokuzimasa uqeqesho lweCAF D license coaching course kwaye lonto uthe inika ithemba lokuba ibhola yeli izakuphuhla nangakumbi.

ULewis weSAFA uthe xa ungumqeqeshi kubalulekile ukuba ubenazo iincwadi zokuqeqesha ukuze uzokuyazi indlela yokusebenzisana nabadlali ingakumbi abo basakhulayo.

Uqhube wathi indlela yoqeqesha abadlali abancinci ayifani neyokuqeqesha abadala kwaye yonke lonto uyifunda kakuhle ufunde ezi coaching courses zebhola.

Uye wathi beyiSAFA bakhuthaza bonke abaqeqeshi abasakhulayo ukuba bafumane incwadi zokuqeqesha ukuze babenolwazi oluphangaleleyo.

UMphathiswa uNgongo obekhona kusuku lokuqala loluqeqesho, uye wamemelele bonke abaqeqeshe ebebekhona eLilitha ukuba bathathe ulwazi abalifumeneyo bayokulityala ezikolweni kwaye bancedise namaqela wasekuhlaleni.

Uthe injongo zalo msitho kukuba kuphuhliswe ibhola ekhatywayo yeli kwaye abantwana bafundiswe nangezinto ezibalulekileyo ekumele bezilandele xa bedlala ibhola ekhatywayo.

Umqeqeshi osakhulayo uThandolwethu Golozana waseMonti, uthe olu qeqesho lweCAF D license coaching course limvule ingqondo malunga nebhola ekhatywayo kwaye ufunde izinto ezininzi ngeezintsuku zisibhozo abazichithe beseLilitha behlohlwa ulwazi yiSAFA.

UGolozana uthe ulwazi alufumeneyo uzakuqinisekisa ukuba uyalisasaza kangangoko enako uqala kwibhola yamantombazana uyokuma kweyamadoda.

Olunye uqeqesho lwabaqeqeshi lulindeleke ukuba libekunyaka ozayo njengoko iNozulu Youth Legacy Cup iqhuba nephulo layo lokuphuhlisa ibhola ekhatywayo eMnquma nakwindawo ezingqondileyo.