Crime & SafetyLocalNews

Idonki enomgada iluma abantu eNqanqarhu

14 EyeNkanga 2024 – 27 EyeNkanga 2024

Intatheli: Monwabisi Khininda

Basamangazekile abantu baseNqanqarhu sisimanga sedonki enobundlobongela nehamba igrenya abantu. Isebe loPhuhliso lweLali neNguqu kweZolimo (Rural Development and Agrarian Reforms), eMpuma Kapa limemelela kuye wonke umntu olunywe yilembongolo ukuba aye kuhlolwa kwiziko lezempilo. Isebe lithi le donki ibikhangeleka ineepapisi yaze yaluma abantu ababini eNqanqarhu (Maclear). Abo bantu baye babalekiselwa esibhedlele ukuyokwenziwa uhlolo.

UThozi Manyisana osisithethi sesebe uthi kuyasoleka ukuba baninzi abantu abalulwe yiledonki baze abafuna luncedo lwezempilo. UManyisana uthi kunyanzeleke kubizwe amapolisa akuba oyisakele ukuyiwisa amagosa nooGqirha bemfuyo. Incindo ethathwe kule donki isiwe kwilaboratri ukuze ihlolwe.