Ufunyenwe unqunqiwe umzimba womfundi
28 EyeNkanga 2024 – 11 KweyoMnga 2024
Intatheli: Monwabisi Khininda
Lushiyeke lubambe ongezantsi uspho lakwaNtunja kwilali yakuMahasana kuGatyana emva kokufunyanwa komzimba womntwana wabo sele ubanda ceke ngasehlathini. Iingxelo zidiza ukuba ixhoba u-Akhona Ntunja (16) ugqityelwe ukubonwa esesikolweni ngelixa ebegqiba kubhala iphepha lakhe lokugqibela lweemviwo zokuphela konyaka. Amaxhala aye enyuka emveni kokungabuyi kwakhe ngomhla we-15 kweyeNkanga kulonyaka.
Uye wakhangelwa kuba engade afike ngethuba ebelindeleke ngalo ekhayeni lakhe ngomhla we-17 kweyeNkanga, waze wayobhaqwa emveni kweentsuku ezimbini emini, umzimba sele usonakala. U-Akhona ubhaqwe sele iingalo zakhe zinqunyulwe kwaye engqengqiswe phezu kwengubo yakhe. Le ntwazana yakwaNtunja ibisaze ngubuso elizweni nanjengoko ibisenza ibanga leshumi elinanye kwisikolo samabanga aphezulu iBadi S.S.S.
