Amagosa ezendlela eMnquma aqinisekisile ukuba wonke umntu uzokhuseleka kwindlela zeli
12 kweyoMnga 2024 – 15 eyoMqungu 2025
Anele Raziya
Abaqhubi bezithuthi abangayihloniphiyo imithetho yeezendlela yeli bazakugangagana neembila zithutha eMnquma ngeezintsuku zeholide zika disemba.
Konke oku kuvele ngexesha umasipala waseMnquma eGcuwa ubuphehlelela iphulo lika ‘Fika uphila’ ulungiselela eziholide zehlobo.
Amagosa weezendlela eMnquma ekunye noSodolophu uTunyiswa Manxila-Nkamisa ebethe bhazalala kuhola wendlela uN2 onqumla eGcuwa usiya eMthatha besenza uvingco lwendlela uqinisekisa ikuba bonke abaqhubi bayawuthobela umthetho wendlela.
Kwingxelo yesebe lezoThutho noKhuseleko ephondweni ibonisa ukuba kwiminyaka emithathu edlulileyo liye lehla iziga lehla inani legozi nelo kubhubha kwabantu ezindleleni zeli.
UManxila-Nkamisa uthe injongo zokuba babambe uvingco lwendlela eMnquma kufuna uqinisekisa ukuba wonke ubani oquka umkhweli nomqhubi ukuba ukhuselekile ngelixesha likaxakeka.
Ebethetha ngexesha amagosa womasipala ebexakekile ekhangela impepha zokuqhuba kubaqhubi bezithuthi ebezinqumla eGcuwa kwiveki ephelileyo.
Kwelo phulo umasipala uye wabamba imbinana yabaqhubi ebebeqhuba ngaphandle kwempepha zabo zokuqhuba kunye nabo bebengahloniphi imithetho yezendlela.
UManxila-Nkamisa uthe njengokuba amagosa wezendlela eqalisile iphulo lokuvingca indlela akazophinda abuye ngamva ingakumbi ngeezintsuku zinkulu zeeholide zika Disemba.
Uqhuba wathi bazakutyala amagosa wezendlela kuzo zonke indlela zaseMnquma ukuqinisekisa ukuba namnye umntu ozakuqhuba esele etywala kwaye inzame zabo zezokhusela wonke umntu osebenzisa iindlela zeli ngelixesha enyakeni.
Uvalelise ngokubongoza abaqhubi ukuba baqale bazijonge izithutho zabo ukuba zisemngangathweni ngaphambi kokuba bangene ngazo endleleni kwaye basoloko beziphethe ilayisenisi zabo zokuqhuba.
Amagosa wezendlela ephondweni ekunya nawasa Mnquma aye avakalisa ukuba azakusebenzisana ngamandle ngelixesha leeziholide zokuphela konyaka.


