Bayakhala abo bezikolo ipreschools becela uhoyo
12 kweyoMnga 2024 – 15 eyoMqungu 2025
Yonela Mpaka
Izikolo zabantwana abancinci zithe zanikezwa izixhobo zokusebenza ngumasipala iNtsikayethu phantsi kwedolophu yase Cofimvaba. Ezizikolo zezo zibizwa ipreschool apho abantwana baqala ukufunda khona ukubhala. Izikolo ezithe zaxhamla zifumene izitulo imatrasi zokulala kuquka nezinto zikudlala abantwana. Izikolo ezithe zanenyhweba yokufumana ezizixhobo zingapha kweshumi.
Ukuxhaswa kwezizikolo kuthethe lukhulu kubaxhamli nanjengoko kwabanye omasipala ingxaki zandile ezidibanisa nongafumani mali yaneleyo,ukungaxabiseki ngokomsebenzi abawenzayo abo bangotitshalakazi, imali zabo ezingena kade zifikela kwikomiti hay kuumntu lowo ufundisa abantwana, ukunganakwa xa benezikhalo abanazo. Isikolo esithe saxhamla iPhakamani sikuvuyele oku. Utisthala uNomtha Mtshali uthi kubeluvuyo ukuba baxhaswe kuba kudala bejongile kungekhonto ithethisayo.
“Sibone kufika into ethi siyafuneka kumasipala sahla saqonda inoba ikhona into esakuthi siyfumane kanti nyani sizoxhaswa siyawenza umbulelo kuba kudala sijonge enkalweni kungekhomntu uza kuthi, siyacela khesihoyeke kuba umsebenzi esiwenzayo mkhulu kakhulu, yinto enkulu kuthi sizingomba isifuba sisithi sabonga kakhulu, inganga singangalityalwa simana ukuxhaswa,“ utshilo u Mtshali.
Abazali bakuvuyele oku beqhwaba izandla besithi kumhla abantwana bafunda kakuhle. Igqiza lika Masipala iNtsikayethu liwushiyile umyalezo kubaxhasi ukuba baziphathe kakuhle izixhobo bafundise abantwana ngokufanelekileyo.
Â


