Abantwana bam bazakuya esikolweni benganxibanga zihlangu, utsho umama ongahlawulwanga imali yesibonelelo somntwana
I-SASSA ithi i-150,000 yezibonelelo inqunyanyisiwe
U-Isa da Gama wase-Eldorado Park eRhawutini, uthi kuzakufuneka athumele abantwana bakhe esikolweni benganxibanga zihlangu xa kuqala ikota kwiveki ezayo. Ungomnye wamashumi amawaka abafumana isibonelelo senkxaso-mali yabantwana abangasifumananga isibonelelo sabo ngoJanuwari.
NgoLwesithathu, i-Arhente yoKhuseleko lwezeNtlalo yoMzantsi Afrika (SASSA) yabhengeza ukuba imali yesibonelelo sabantwana yabantu abangaphezu kwe-150,000 yanqunyanyiswa ekuqaleni kukaJanuwari. U-SASSA uzikhabile iingcebiso zokuba kukho ingxaki yobuchwephesha ebangele ukuba izibonelelo zinqunyanyiswe ngempazamo.
Bazizigidi ezilishumi elinesithathu (13-million) bebonke abafumana isibonelelo senkxaso-mali yabantwana engama-R510 ngenyanga, malunga nama-65% abo bonke abantwana baseMzantsi Afrika.
Isithethi sakwaSASSA uPaseka Letsatsi unyanzelise kudliwanondlebe lukaRadio702 ngentsasa yangoLwesithathu ukuba ukumiswa kwabo kungenxa “yezenzo zobuqhophololo” ezibhaqwe yiSASSA njengenxalenye yeenkqubo zayo zokuqinisekisa.
ULetsatsi ukwacatshulwe nguNews24 esithi isikhukula kwezinye iindawo sinokubangela ukuba abantu bafuduke, nto leyo ekhokelele ekubeni bangaphumeleli iinkqubo zokuqinisekisa.
Kodwa oku akubonakali kuhambelana nenyani emhlabeni.
IGroundUp inike ingxelo ngoLwesibini ukuba izibonelelo zenkxaso yabantwana ziye zanqunyanyiswa ngenxa yesizathu esibonakala sincinci okanye singekho. Sityelele ii-ofisi zaseKapa naseKariega ngoLwesibini apho abafumana igranti bebefolile beza kuphinda bafake izicelo zabo zegranti eziye zanqunyanyiswa ngaphandle kwesaziso.
UDa Gama uthe imali yenkxaso-mali yabantwana bakhe abane abasafunda ihlawulwe kwiakhawunti yakhe yebhanki unyaka wonke ka-2023 ngaphandle kwengxaki. Kodwa xa wayejonga ibhalansi yeakhawunti yakhe ngoLwesihlanu, usuku lwentlawulo yesizwe yesibonelelo somntwana, kwakungekho mali.
Wathi xa esiya kwiofisi yakwaSASSA kusasa ngoMvulo, waxelelwa ukuba kukho ingxaki ngoonobumba bokuqala bengxelo yebhanki yakhe kwaye kufuneka aphinde afake isicelo. Utsalele umnxeba kwibhanki yakhe, eyathi akukho mahluko kwiisiteyitimenti zakhe zebhanki.
Ubuye ngolwesithathu, wavuka ngentsimbi yesine ekuseni eme emgceni. Wawathatha onke amaxwebhu akhe axhasayo, kodwa waxelelwa ukuba eze namakhadi engxelo yabantwana bakhe ukubonisa ukuba basesikolweni. Wayeqala ukucelwa ukuba enjenjalo.
“Abantwana bam kuza kufuneka baye esikolweni bengenazihlangu kwiveki ezayo,” uxelele iGroundUp. “Bayeba imali yabantwana bam.”
Uthe sele eqalile ukucela abamelwane ukuba bamnike ukutya ukuze ondle abantwana bakhe.
Omnye owafumana isibonelelo uthe uxelelwe ligosa lakwa-SASSA ngomnxeba ukuba isibonelelo sakhe sinqunyanyisiwe ngenxa “yengxaki yezobuchwepheshe”.
“Ndinabantwana abathathu abaya esikolweni kodwa ngoku andikwazi kwenza nto kuba andikwazi kuthenga kwanto, nditsho nezinto zokubhala,” utshilo.
Ephendula imibuzo evela kwiGroundUp, isithethi sakwaSASSA uPaseka Letsatsi ungqinile ukuba uJanuwari ubone amanani angaphezulu kunesiqhelo abantu abarhanelekayo bemali yegranti, kodwa wathi igranti inqunyanyiswe ngokuchanekileyo njengenxalenye yenkqubo yoqinisekiso.
“Bonke abathengi ekugqibeleni bazakufumana imali yabo,” utshilo uLetsatsi.
