Kubhubhe ababini bebethwa lizulu
16 EyoMqungu 2025 – 29 EyoMqungu 2025
Intatheli kaDizindaba
Izulu lidume ladlula nabantu ababini kwasinda abantwana ababini kwilali yakuNomcamba eNgqeleni. Le ntlekele yehle kumzi wakwaSilaza apho kutshabe uNomakhaladi Silaza (47) wakhona nendodakazi yakhe enguNomakhwezi Silaza (23). Kwiveki ephelileyo ngoLwesibini izulu libethe nabantwana ababini abaye basinda baze babalekiselwa kwisbhedlele saseNtlaza ngaseLibode. Ngokungathi akwanelanga izulu ligqithele ebuhlantu labetha labulala iibhokhwe ezine zelikhaya.
Izulu lidlale uNomakhaladi ekunye nabantwana abakhe behleli endlini noNomakhwezi. Baye baswelekela kwindawo yexhwayelo ngoko nangoko. UNomakhwezi Silaza ubengumfundi kwiDyunivesithi yaseWalter Sisulu eMthatha, esenza unyaka wakhe wokugqibela. Ehlangana nesi sihelegu nje ebesakhaya kuba kuvalelwe iholide zokuphela konyaka.
Othethela usapho uThembelani Mnguni ucela abantu ukuba bafake isandla ukuze kungcwatywe esi sibini nanjengoko usapho lungathathi ntweni. “Eli zulu lingene ngefestile ekubeni beliqale ngokubetha iibhokhwe phandle.Besinethembe lokuba uNomakhwezi nguye ozakubakhupha ebugxwayibeni bentlupheko nanjengoko ebesecaleni ukuba azuza isidanga sakhe semfundo enomsila.” Nabani ofuna ukufaka isandla angatsalela umnxeba ku-Thembelani Mnguni kulenombolo: 0731321320.