Crime & SafetyLocalNews

Kutyholwa ibanjwa ngeyelenqe lokubulawa kwabantu eNgobozana

14 EyeNkanga 2024 – 27 EyeNkanga 2024

Intatheli: Monwabisi Khininda

UMzukisi Ndamase oneminyaka engamashumi amane anesithandathu ubudala uvele kwinkundla kaMantyi eLusikisiki kutsha nje. UNdamase ujamelene nezityholo ezilishumi elinesibhozo zokubulala abantu eNgobozana eLusikisiki ngomhla we-28 Septemba 2024. UNdamase libanjwe elidontsa isigwebo sobomi ejele kwintolongo yaseBongweni C Max Prison eKokstad, KwaZulu-Natal. Uxelele inkundla ukuba akalifuni iGqwetha uzozithethelela ngokwakhe, uphinde wathi akafuni bheyile kuba uhleli engaphakathi etsala isigwebo somobi ngetyala lokubulala nokuphanga.

Lo mrhanelwa utyholwa ngokupheka isiganeko sokubulawa kwabantu ngokungenalusini eNgobozana kwinyanga kaSeptemba. Uzibandakanye nabanye abarhanelwa abatyatyekwa eli tyala lendyikityha yokubulawa kwabantu emini ilanga lihlabe umhlaba. Abanye abarhanelwa atyholwa nabo nguSiphosoxolo Myekethe (45), Aphiwe “AP” Ndende (25), Lwando Antony Abi (33) kunyenoBonga Hintsa (31). Abanye nguZenande Paya (38) kunye noMawethu Nondlwembu (36).UPaya noNomdlwembu babanjwe eFlagstaff ngomhla we-17 Oktobha kulonyaka. Bafunyanwa nemipu emine neembumbulu ekutyholwa ukuba zasiwa kwezinye iilali emva kwesiganeko.

ULuxolo Tyali weGunyabantu loTshutshiso uthi uNdende noHintsa babanjwa ePort Shepstone loo gama uAbi wabanjwa eMonti ngomhla we-16 Oktobha. Ukanti uMyekethe wabanjwa ngomhla we-7 Oktobha ekhayeni lakhe eMthimde, eMaMfengwini eLusikisiki. Ityala limiselwe umhla we-26 Novemba 2024.