LocalNewsSocial Development

USASSA UTHI BASENYULENI ABO BABOLEKA IIMALI NGAMAKHADI EENTSANA

30 EyoMqungu (Jan) 2025 – 12 EyoMbumba (Feb) 2025

Kuvakala okokuba bajamelane nokuzibona bebanjwa abo bathi baboleke imali koo “Matshonisa” zebamise ngamakhadi en-dodla yabantwana.  

Kwakhona abasemfuthweni wolwazi bathi abakwa SASSA babhaqe amagumgedle athi enziwe ngabantu abathile abathi benze izicelo zendodla besebenzisa izazisi ezingezo zabo.  

Aba basemfuthweni wolwazi bavakalise okokuba lo mkhonyovu uye wabhentsa kakhulu emva kokubhaqwa kokusetyenziswa kwezazisi zabafundi bezobuchwepeshe kwi University yase Stellenbosch.

Oligosa lakwa SASSA, unkosazana Desiree Masango uthe: “Siyabalumnkisa abo bathi bamise ngamakhadi egrant yabantwana xa beya kuboleka imali koo “Matshonisa”. 

Le yimali yesibonelelo sokondla abantwana nesiphuma ku Rhulumente, hayi okokuba abantu abangabazali abasuka bamise ngala makhadi xa bexoza kwii ndawo ezithengisa utywala.  

Eyona nto ibuhlungu kukufumanisa kwethu singu SASSA okokuba aba “Matshonisa” bayaqhubekeka betyitsala le mali ngokwabo kuba baye banikwe la makhadi kunye nePIN ngabazali.    

Sifumanisa okokuba ngenxa yoku baye bafunyaniswa belamba aba bantwana bekwasokola ekunxityisweni nasekusiweni esikolweni.  

Bona abasemfuthweni wolwazi bavakalise okokuba abantu abomnkela indodla yabantwanta kudala beqhubekeka nalo mkhwa.  

Baqhube bathi bafumanise okokuba lo mkhwa mkhulu kakhulu kwi lokishi yase Guguletu nalapho kukho iindawo ezazi-wayo ezibolekisa ngemali zezithathe amakhadi.