Kuwongwe amalungu e-SGB
18 kweyoMnga 2024 – 15 eyoMqungu 2025
Monwabisi Khininda
Bekumbejembeje kwisikolo saseNjiveni, eLibode kwiveki esisuka kuyo. Kwesi sikolo bekusenziwa into ebiqaleka ngqa, ukuwongwa kwamalungu e-SGB angamashumi amane, kuquka nabo balandulelayo eli limagad’ahlabayo. UZwelilindile Gxekwa oyinqununu yesikolo uthe ubenengcamango yokuwonga bonke abantu ababenendima abayidlalileyo ekukhuliseni esi sikolo.La malungu ebewongwa ngeziqinisekiso zenkonzo esulungekileyo. UMnu. Gxekwa uthe ezi ziqinisekiso zibaluleke kakhulu kuba nabazukulwana bawukwazi ukuba ooyisemkhulu noninakhulu babenegalelo ekuphuculweni kwesi sikolo. “Eyona nto siyikhokhelisayo ngalo mbhiyozo kukwakha ubudlelwane phakathi kwabazali, abafundi nootitshala.
Esi sikolo sasungulwa ngomnyaka we-1991. UNkosi Jongusapho uthi uMalungelo Mkhaliphi wancama umzi wakhe ukuze kwakhiwe esi sikolo.UNkosi Jongusapho Bokleni uqale ngembalana yalelali yaseNjeveni “Kwakusokolwa apha eNjiveni kungekho sikolo. Esona sikolo sikufutshane yiNtlaza Junior Secondary School. Ngenxa yomgama owawuhanjwa kwakufuneka abantwana abasuka apha baqale esikolweni xa beneminyaka elishumi elinesibini.” Uthe abantu baseNjiveni mabasixhase isikolo sabo ngokuthi bakhuphe imali xa ifunwa esikolweni.
UNkosi Bokleni uthe ukuba bekuya ngokwakhe esi sikolo besizawukwenziwa iziko loqeqesho lwemisebenzi yezandla kuba inkoliso yabantwana abasuka apha banezakhono kwimisebenzi yezandla.Ubhengeze ukuba sekumbovu uqaliswe umsebenzi wolwakhiwo lwesikolo sabantwana abagogeke ngamalungu omzimba (Special School) eNqileni,eMakhotyana.
UNkosikazi Nosayinile Majali onguSihlalo weSGB wenze umbulelo kwinqununu uMnu. Gxekwa ngokukhumbula abantu abatshonayo kwanenkuthazo ayinike amalungu e-SGB. “Abahlali babamanqinqi ukonyulelwa kwiSGB kuba bathi baxakekile kwaye akukho mvuzo ufunyanwayo xa ulilungu leSGB.


