Sports

uBathandwa Mendela waseMnquma ekunye nomqeqeshi wakhe uMbuyiseli Xokolo bazakuba bekwitumente yamanqindi yaseMbhashe kwinyanga

ISebe leZemidlalo eMpuma Koloni lingenelele kwiphulo lokuvuselela umdlalo wamanqindi kwindawo yaseMbhashe ngenjongo zokuphuhlisa italente yolutsha.

Kutsha nje umbutho wamanqindi obizwa Isizwe Boxing Promotions ukunye nesebe lezemidlalo bakhuphe isibhengezo sokuba bazakusindleka itumente yamanqindi kwiKholeji yaseKing Hintsa eDutywa ngomhla weshumi elinesihlanu kwinyanga ezayo.

Injongo zale tumente kuvuselela amanqindi kwindawo ezifana naseDutywa, Gatyane naseXhorha ezazifudula zinawo lomdlalo kwaye uthandwa lulutsha.

Kodwa kwathi xa ihlabathi lalijongene nesifo iCovid-19 waye wanqumama lomdlalo ngenxa yokuba kwakulandelwa imiqathango yelo xesha eyayibekwe ngurhulumente ukhusela ukunwenwa kwesifo. 

Emva kokuba izinto sele zibuyele esiqhelweni elizweni nakwihlabathi khange kubekho amaqela weembethi manqindi abonakalisa umdla wokuvuselela lomdlalo.

Kungoko Isizwe Boxing Promotions ekhokhelwa nguNkosi Ntsikayesizwe Sigcawu waseNqadu kwiKomkhulu lamaXhosa iye yathatha isigqibo sokuba iphinde ivuselele lomdlalo wamanqindi kuba ifuna uncedisa ulutsha ukuba luphuhlise italente yalo.

Lo mbutho uthelekisa iimbethi manqindi waziwa kakhulu kwindawo yaseMbhashe naseMnquma kuba usoloko unika ithuba iimbethi manqindi ezisakhasayo ukuba zizibonakalise ngokuzithelekisa zide zifikelele kwinqanaba eliphezulu lweembethi manqindi ezihlawulwayo.

Encokola neliphephandaba uNkosi Sigcawu uthe kulindeleke ukuba kubekhona iimbethi manqindi ezizakuba ziphuma kwingingqi ezifana neOR Tambo, Buffalo City, Cumakala, Mdantsane, Mnquma kunye nezinye indawo ezizakuba zisilwa ngalemini.

“Kule tumente sizakubanawo umlo wamantombazana ozakuba uhamba neemilo esibhozo yamadoda, ” kutsho oka Sigcawu.

Uthe umlo ophambili uzakuba uphakathi kuka Siseko Makeleni waseOR Tambo ozakulwa noHlumelo Gingxana waseBuffalo City kumlo wemijikelo elishumi.

UMakeleni uzakuba ekhusela intshinga yakhe ye Eastern Cape Lightweight kwinto kaGingxana ezakuba icela umngeni ngale mini.

UBathandwa Mendela waseMnquma kulindeleke ukuba alwe Sonke Komeni waseCumakala kwimijikelo emini ngale mini. 

UKanti naye uMasibulele Mbumba waseMnquma uza kulwa noLutho Mbuku waseMdantsane. 

Ikhona neeminye imilo ezakuba khona kwaye kulindeleke ukuba ibhengezwe ngokusesikweni ingaphelanga lenyanga xa kuzakube kuphehlelelwa letumente.

Kulindeleke ukuba kubekhona abo bahloniphekileyo abazakuba bephuma kumasipa waseMbhashe naseAmathole, ukanti noMphathiswa wezemidlalo ephondweni ulindelekile naye ngale mini inkulu. 

Kangangokuba amangeno emnyango izakuba R100 kubantu abadala ibeyiR20 ebantwaneni.