Arts & CultureNews

USodolophu waseMbhashe: Usebenzise Imbali yeMfazwe ka-1987 Ukuphuhlisa Uluntu

USodolophu waseMbhashe uSamkelo Janda uthe nangona imbali yemfazwe eyenzeka kwindawo yaseLurhwayizo ngo1987 phakathi kwamajoni woMkhonto weSizwe norhulumente welo xesha ibalulekile ukuba ingcinwe ukuze ifundwe nasisizukulwana esizayo, kodwa kuyakunceda nakubo bengurhulumente ukuba bayisebenzise imbali yale mfazwe ukuphuhlisa uluntu.

Ebethetha uJanda eLurhwayizo eMbhashe ngexesha kutyhilwa ilitye elinamagama amaqhawe athi awa ngexesha esilwa kule mfazwe kwaye amanye wamajoni aswelekayo apho ayaziwa nokuba imizimba yawo yaphelelaphi.

Lonto ithetha ukuthi kusekho iintsapho ezingekaxoli emphefumlweni ngenxa yokuba zange zikwazi ukungcwaba imizimba yabantu babo.

Usapho lakulo Mbulelo Ngono liphakathi kwezontsapho zisakhalayo ngenxa yokuba ayimazi umntana wayo ukuba waphelela phi ngexesha lalemfazwe ibizwa ngokuba yiBattle of Lurhwayizo.

UJanda uthe njengokuba beqalile ngenkqubo yokumane bebamba isikhumbuzo ngalemfazwe yaseLurhwayizo balungiselela ukuba wonke ubani kuquka nolutsha lifumane ulwazi ngale mfazwe.

Uthe kodwa into abajonge kuyo bengurhulumente bafuna ukuphuhlisa uluntu ngale mfazwe ngokuthi babenenkqubo abaziququzelelayo ezijongene nophuhliso eluntwini njengoko namajoni aswelekayo kwiBattle of Lurhwayizo ayiselwela impilo engcono.

Kangangokuba uthe sele beqalile nenkqubo yokusondeza ulutsha ngokumane besindleka imidlalo entlobontlobo ukulingcina lukude kwiziyobisi nakwizenzo zolwaphulo mthetho.

Oka Janda uthe bazaqhuba bengumasipala bejonga nezinye izinto ezinokuba luncedo kwimpilo zoluntu lwaseMbhashe ukuze luphuhle.

Omnye wamajoni oMkhonto weSizwe, uPhumzile Mayaphi uthe into esabavisa kabuhlungu yilena yokuba eminye yemizimba yoogxababo ayikafumaneki nanamhlanje kodwa uyathemba urhulumente uzakuyinika ingqwalasela lonto.

UMayaphi uphawule nangelithi iyakhuthaza into yokubona urhulumente ebamba umsitho omalunga nembali yeBattle of Lurhwayizo kwaye uyathemba ukuba uluntu lizakufunxa ulwazi malunga mfazwe eyathatha iiyure ezingamashu36 iqhuba phakathi kwamajoni woMkhonto weSizwe nabomthetho borhulumente welo xesha.

Ngaphambi kokuba kusindlekwe kuye kwabanjwa nemidlalo entlobontlobo equka wonke ubani kwaye Mphathiswa wezeMidlalo neNkcubeko ephondweni uSibulele Ngongo ebeyinxalenye yayo.

Imifanekiso: Amaqela wezemidlao ebekhuphisana kwimidlalo entlobontlobo ngaphambi kosingaye womsitho weBattle of Lurhwayizo.

Kweminye imifanekiso: Awongiwe amanye wamajoni woMkhonto weSizwe awayekhona ngexesha lemfazwe yaseLurhwayizo ngo1987.