U SASSA ULUMNKISE NGEXESHA LOKUVALWA KWAMAKHADI AMADALA
KAPA
Abakwa SASSA balumnkise abo bomnkela indodla ngokuba bayazi okokuba inkqubo yokutshintshwa kwamakhadi iyaphelelwa ngomhla wamashumi amabini (20th March) kule nyanga izayo. Kodwa uninzi lwabo bamnkele le mali yendodla yabadala bathi bebesoloko besazi ngomhla wamashumi mabini anesibhozo (28th) apha kule nyanga ye Khala.
La makhadi atshintshwayo nabangela imigca emide kwii mall kuthiwa ngalawo amabala ugolide. Bona abomnkeli bendodla le bavakalise okokuba banethamba lakula izinto zizakuhamba kakuhle emva kwale nkquba yokutshintshwa kwalba makhadi.
Elisebe lithe: “INtshona Koloni lelinye lamaphondo abekwe phambili ngokubaluleka. Kule veki izayo, iBhanki yasePost iza kube inyusa inani leendawo ezifumanekayo nge-50%, kwaye eli nani liza kunyuka ngakumbi ukuqinisekisa ubukho kuzo zonke izithili zoomasipala xa kuqaliswa ukwakhiwa kwezindlu zakwaSpar kwiphondo kwiintsuku ezili-10 ezizayo.”
ISebe liqhube lathi: “Siza kuqhubeka ukubeka esweni oku ukuze siqinisekise ukuba sifikelela kubaxhamli abaninzi kangangoko phambi komhla wokugqibela. Abaxhamli bayakhuthazwa ukuba baye kwindawo yokutshintsha amakhadi ePostbank kufutshane nabo ukuze bafumane amakhadi amnyama amatsha.”
“Siyaluqinisekisa uluntu kunye nabo bonke abaxhamli benkamnkam yezentlalo ukuba, iBhanki yasePosini ngokudibeneyo iya kuthi i-SASSA, iqinisekise ukuba wonke umxhamli wenkamnkam yentlalontle uyahlawulwa isibonelelo sakhe. Akukho baxhamli besibonelelo sikarhulumente uya kushiywa ngaphandle kwiintlawulo, kubandakanywa nezo zinokuphoswa ngumhla wokugqibela.”
“Inani le-USSD eliphuculweyo nelifutshane elinokuthi abaxhamli basebenzise ukukhangela iziza ukusuka kubutofotofo bamakhaya abo lazisiwe. Abaxhamli banokulandela oku kwiiselfowuni zabo ukukhangela iziza zokutshintsha amakhadi: Cofa 120335#. Phendula ngo-(1) ukuze uqhubeke. Phendula ngenombolo yephondo (yephondo abafuna ukukhangela iziza zokutshintsha amakhadi). Phendula ngenombolo kamasipala. Emva koko zonke iziza zokutshintshwa kwamakhadi phantsi kwaloo masipala ziya kuvela.”
Ukufumana iinkcukacha ezithe vetshe, ndwendwela ku-www.postbank.co.za, tsalela umnxeba ku-0800 53 54 55 nakumakhasi onxibelelwano e-Postbank.
Ibhanki yePosi yeendaba zoluntu:
X: Postbank_SOC_Ltd
Facebook: Postbank SA
LinkedIn: Postbank (S)C) Ltd


