CommunityCrime & SafetyLocalNews

Babulalana ngathi zimpukane kwidolophu yase Ngcobo

15 ISilimela 2023 – Yonela Mpaka

Ngcobo

Ukubulawa kwabantu kuphinde kwaxhaphaka kwindawo le emva kokuba bekubulewe umama ngomnye umama ngengxabano engunobenani. Amadoda amane ajongene netyala lokubulala umfana oselula nabebemtyhola ngokuba izinto kwindawo ebizwa kwa Ndevu. Abahlali bavuka ekuseni becaphuka kukho obelwe izinto kwakwindawo le baze bangenela besenza ugqogqo baze bazifumana aezinye izinto kumzi uthile. Amapolisa afika emva kwesithonga sele amaxhoba amabini ebethwe kanobom.

Elinye ixhoba laye loyisakala endleleni eya esibhedlele kwabe kuqala apho ukumoshakala kwezinto. Abarhanelwa abane bathi babanjwa phantsi kwezityholo zokubulala baze bavela kwinkundla zikamantyi nabasagcinwe ngaphakathi eziseleni. Abahlali bendawo le bathi bafuna bakhululwe abo bathi babanjwa kuba abenzanganto. Ongumhlali kwindawo le uChuma Mfundisi uthi kudala bebelwa izinto zabo benyamezele bafuna nabo bakuthi bakuqale oku bafunde isifundo.

“Besingacinganganto ngokude sibulale mntu kodwa besicaphuka kuba kudala sibelwa gqiba kungabikho mkhondo, sithi aba bangaphakathi mabaphume oku besikwenza sikwenze sonke, siyacela amapolisa asincedise silwe ulwaphulo mthetho kuba sesikulengxaki nje kukuba amapolisa asabela kade siyacela ukuncediswa sonele ukubangamaxhoba nokungonwabi kwindawo esihlala kuzo, sifuna aba babanjiwe babuye siyayicela lonto,” utshilo uMfundisi.

OnguSodolophu kumasipala lo uSiyabulela Zangqa uzigxeke kanobom ezizinto zenzekayo zokubulawa kwabantu ngokumasikizi. “Siyacela sibongoza ukuba lento yokubulawa kwabantu ingaphindi iqhubeke ewe besincoma emva kwendawo yase Quthubeni eyayigqugqisa kubulawa abantu noko sihlaba ikhwelo lokuba umthetho mawuhlonitshwe abantu mabangabulawa ngathi kubulawa impukane, ukubulawa komama ngomnye umama iye yasothusa lonto sisajonge leyo kubulawa umfana ngabahlali noko sicela abantu babenoxolo kwindawo abahlala kuzo,” utshilo uZangqa. Abarhanelwa abane bajongene netyala lokubulala ityendyana lomfana nabasagcinwe ngaphakathi eziseleni.