Baxhamle abafundi base Cafutweni kuCentane
29 June 2023 – Anele Raziya
Centane
Abafundi besikolo samabanga aphantsi iMfamzi primary school kwilali yaseCafutweni kuCentane, bafumene inyhweba yokuphiwa iqwaba yeezingu zesikolo, ii-sanitary towels kunye netanki lamanzi elikhulu kwiveki ephelileyo ngolwesine.
Konke oku abafundi bakuphiwe ngumasipala wesithili seAmathole ubambisene nebhaki yakwaNedbank.
Umasipala waseMnquma ekhokelwa nguSodolophu, uTunyiswa Manxila-Nkamisa, uSodolophu waseAmathole, uAnele Ntsangani uMzi Baleni wakwaNedbank ngabo abathe banika abafundi ezi zizipho kumsitho ububanjelwe esikolweni kwilali yaseCafutweni.
Inkosi yelali uMtoto kunye nabazali babantwana nabo bebeyinxalenye yalo msitho ubumhle.
Kwintetho yakwamkela iindwendwe, uSodolophu waseMnquma, Manxila-Nkamisa uthe kuluvuyo ubona inkampani zabucala ezifana noNedbank zisebenzisana norhulumente kumaphulo wokuphuhlisa uluntu.
Uthe ukunqaba kwamathuba emisebenzi kubangela kubenzima kubazali ukuba bazifezekise ngokupheleleyo izidigo zabantwana zesikolweni.
Uye wabulela iAmathole noNedbank ngokunceda angenelele axhase abantwana besikolo iMfamzi primary school, lenkxaso uthe ithetha lukhulu kwabantwana abaphuma kumakhaya asokolayo.
Obethetha egameni lesebe lezeMfundo kwingingqi yaseMnquma, uLungiswa Ntsimangwe ubongoze iinkampani zabucala norhulumente ukuba bahlale bezixhasa izikolo ezizinze ezilalini kuba zezona zisokola kakhulu.
UNtsimangwe uthe ikamva lelizwe lixhomekeke kwabantwana basakhulayo kwaye kungoko kubalulekile ukuba urhumelente atyale izixhobo ezaneleyo zokufundisa kwizikolo zasemakhaya.
Uvalelise ngelithi bayibulela kakhulu inkxaso efunyenwe sisikolo saseCafutweni.
UMzi Baleni wakwaNedbank, uthe benesicwagciso sokuqinisekisa ukuba bencedisa ngako konke abanako ukuphucula ikamva labantwana kwindawo zonke.
“Siyaqinisekisa ukuba sinikezela ngenkxaso eyaneleyo ekuhlaleni ngenjongo zokuba zifuna abantwana bafumane zonke izinto abazidingayo,” kutsho Baleni.
Obesenza intetho yosuku, usodolophu, uNtsangani uthe izikolo zamabanga aphantsi zibaluleke kakhulu kuba kulapho abantwana bafumana khona isiseko semfundo.
Uthe yiyo lento kubalulekile ukuba bengurhulumente baqiniseke ngenkxaso yabo kula mabanga asezantsi ukuze kuzoxoxwa abantwana abavuthiweyo ngootitshala.
Uqhube wathi itanki abalinike isikolo lizancedise kwimicelimngeni ejongene nokunqaba kwamanzi logama zona izihlangu zizakubuyisela isidima kwabo bantwana bebefudula besiya esikolweni ngezihlangu ezikrazukileyo okanye behamba ngeenyawo.
Ngokubonakalisa lenkxaso uthe bafuna uqinisekisa ukuba bakhuthaza abantwana kwizifundo esikolweni kwaye baqhubeke befunda ukuze babezinkokheli zangomso.
Abahlali belali yaseCafutweni kuCentane noNkosi uMtoto bayibulele kakhulu lenkxaso bayifumene kurhulumente kwaye bathe banethemba lokuba bazakuthi gqolo befumana inkxaso ukuze ikamva labantwana babo liqaqambe.

