EducationNews

Umfundi ubanjwe nompu eSajonisi

Yintatheli yeKhwezi
Amapolisa aseMajola ePort St. Johns anqakule avalela umfundi oneminyaka engamashumi amabini ubudala, ofunda kwinqanaba leshumi elinanye (Grade 11), emva kokufunyanwa nompu ongekho mthethweni. Oku kuncede ukunqanda uloyiko kumasango esikolo. Ngokutsho kwengxelo yamapolisa, lo mfundi ubanjwe kwindawo aqeshe kuyo kwilali yaseNgxongweni kwiveki ephelileyo.


Ugqogqo kwindlu ahlala kuyo lukhokhelele ekubeni kufunyanwe umpu oluhlobo lwe-9 mm ongenazo iimbumbulu. Lo mfundi yinzalelwane yaseSwazini kwalapha eSajonisi. Iisthethi samapolisa uCaptain Welile Matyholo uthe: “Amapolisa aphanda ukuba lo mfundi uwufumene njani lo mpu. Umrhanelwa kulindeleke avele enkundleni yamatyala ePort St. Johns ngoLwesine waleveki ejongene netyala lokufunyanwa nompu ngaphandle kwamaphepha mvume.”


Ibambela Mkomishinala kwisithili sase-O.R Tambo uBrigadier Vukile Ntuli uthi amapolisa akasoze avumele izixhobo kumasango esikolo njengoko zidala uloyiko, ukungazinzi kwinkqubo yokufunda nokufundisa.