NewsPolitics

USodolophu waseMatatiele ubanjelwe ubuqhwemesha

Yintatheli yeKhwezi USonwabile Mngenela onguSodolophu womasipala waseMatatiele ubanjelwe ukusebenzisa gwenxa iimali zabarhafi. UMngenela ebevele okokuqala emaplangeni ngomhla we-11 Matshi ejamelene namatyala orhwaphilizo nobuqhophololo. Ukubanjwa kukaMngenela kuwothusile umbutho we-ANC kwirijini yaseAlfred Nzo. Nanjengoko umbutho we-ANC ungahambisani nobuqhophololo kodwa ime kwelithi umntu akanatyala de agwetywe yinkundla yamatyala. Ibhunga lomasipala waseMatatiele lithe lizawukwenza uphando emva kokufumaniseka ukuba uMngenela wasebenzisa imali kamasipala ukuya kwinkomfa yeANC. Inkundla inamaxwebhu obungqina adiza ukuba uMngenela waya kwinkomfa eyayiseMonti ngoMeyi wonyaka ophelileyo. Imali ekuma-R13914 yasetyenziselwa ukuhamba nokuhlala yena nomqhubi wakhe noKhansela uNomaRoma Ludidi-Ndabane.

UMngenela kudizwe ukuba ngalomhla wayegunyaziswe ukuba azimase intlanganiso yeNational Association of People Living with HIV and AIDS (NAPWA) eyayiseMonti ukusukela kumhla we-5-8 kuMeyi, kodwa zange abonakale nongotshengele. UMasipala waseMatatiele kwintlanganiso yebhunga wafumana isiphakamiso sivela kwilungu lombutho ophikisayo lisithi mayiphandwe le nyewe. Ngokwengxelo yeNAPWA ngokwemanejala yesithili uNontsikelelo Gcwabe baye bamfowunela uMngenela bemxelela ukuba intlanganiso iphumile wathi yena ubambeke kwenye intlanganiso kwakungafanelekanga ukuba uye kuyo. UWonga Potwana onguKhansela weDA uthi banobungqina bokuba uMngenela wayehlisa nomlenze imali ekuma-R13000.00.

Uhambe wathi uzakufaka isiphakamiso sokuba uMngenela makehle njengoSodolophu.