Crime & Safety

Kubanjwe obezenza uGqirha kwisibhedlele saseMthatha

Yintatheli yeKhwezi

Isebe lezeMpilo eMpuma Kapa lithi obezenza uGqirha womgunyanthi kwisibhedlele iNelson Mandela Academic, eMthatha ubhaqwe engekade ahlole izigulane. Isithethi sesebe uSiyanda Manana uthi lo nqalintloko ukhe wabonwa kwicandelo elibizwa iSurgical Ward, kuLevel 5 kwesi sibhedlele ngaphambi kokubanjwa kwakhe ngoonogda ngoLwesine weveki ephelileyo. Abaphathi besibhedlele baye babiza amapolisa amthatha ahamba naye ukuze kufunwe usapho lwakhe. Ngokutsho kwabasemagunyeni lo ‘Gqirha’ ubonwe ngumsebenzi obekhe wambona kumakhasi onxibelelwano ezenza utitshala. Sele ibuqheleka into yabantu abazenza amagosa ezempilo omgunyathi nto leyo ebeka ubomi babantu esichengeni. UL.S Jonga kutyholwa ukuba wenze utyando oluxhotyiswe ngokupheleleyo, elahlekisa uluntu ngokuzenza igcisa lezempilo elisemthethweni. Unyanzeliso lomthetho luye lwangenelela ngokukhawuleza ukuvala umsebenzi ongagunyaziswanga. Abasemegunyeni baye baqinisekisa ukuba uJonga akanaziqiniseko zonyango ezivunyiweyo. Kungoku nje kusenziwa uphando lokukhangela ubungakanani beenkonzo awazinikayo kunye nokuba kukho naziphi na izigulane ezenzakaliswayo phantsi kokhathalelo lwakhe. Amagosa ezempilo abongoze uluntu ukuba luqinisekise ubungqina babasebenzi kwaye baxele nayiphi na into ekrokrisayo.