Community

Zithandazelwe ingozi ezindleleni ngabase Komani 

Bekubanjwe umthandazo omkhulu kwicawa yase Wisile kwa Nonzwakazi kwidolophu yase Komani. Lomthandazo ububanjwe ngumasipala wase Chris Hani, libhunga letyalike kuquka nabo bamele ukululekwa kwezimilo zabantu. Intsusa yomthandazo bekucelelwa ingozi ukuba zingabikho ezindleleni, kuhewulwa ukuselwa kotywala ngokugqithisileyo, ukuhlukumezwa kwabantwana kwakunye nabantu abangomama. Ubhishop Mandila Vumile nokwi Moral regeneration movement uthandaze kwavokotheka.

Oka Mandile ushiye umyalezo esithi abantu mabakhe bazikhwebule kwizinto ezinobafaka engxakini kwixa elizayo, esithi lento yolutsha oluthe gabhu kwiziyobisi iyaxhalabisa kakhulu kuba akubikho kuthobelana. Imvaba ezahlukeneyo ziwuzimasile lomthandazo. Amagosa nesirhulumente siphela sibeyinxalenye yoku. OnguCeba uMalibongwe Fatyela womasipala iChris Hani uthi sifune abantu khebadibane sithethe noThixo simcele ahlise inceba yakhe kuba okwenzekayo kuninzi kakhulu. “Sizothi ebantwini makukhe kulawule uxolo kwindawo esihlala kuzo abantu bayeke ukujika babezizilwanyana bahoyane ungambukeli umelwane ebethwa usuke ufote masizikhwebule kwizinto ezingazusisa ndawo,” utshilo uCllr UFatyela. Wonke umntu uphume ewuvile lomthandazo.