CommunityLocalNews

Bayalunyukiswa oosomashishini ngokuthengisa ukutya okudala

29 June 2023 – Anele Raziya

Ntabankulu

Umasipala waNtabankulu kwingingqi yaseChris Hani, ulumkise oosomashishini baseNtabankulu ukuba bohlukane nento yokuthengisa ukutya okuphelelwe lixesha kwivenkile zabo.

Kulandela emva kokuba amagosa wonyanzeliso mthetho kamasipala, amapolisa, amagosa weSebe lezaseKhaya, amagosa kamasipala akwicandelo lezeMpilo kunye nabo basebenza njenge ziCima-Mlilo bathe baqhuba ugqogqo kuzo zonke iivenkile ezithengisa ukutya neziselo eNtabankulu ngomhla wamashumi amabini ananye kule nyanga (21).

Ngokwengxelo yesithethi somasipala waseNtabankulu, uLungisile Mzanywa, uthe kufunyenwe iingxowa zokutya okubolileyo nezinto zokuthambisa eziphelelwe lixesha.

Ezinto kuyabonakala ukuba bezizakuthengiswa abathengi bengingqi yaseNtabankulu ukuba khange kubekho gqogqo.

Okutya, nezizinto zokuthambisa zifunyenwe kwezinye zevenkile zabemi bamazwe wangaphandle abanamashishini eNtabankulu.

Ukanti kwangelixesha kuqhuba olu gqogqo kuye kwafunyanwa neezixhobo ezinobungozi ezifana nesibham (umpu) neembumbulu kwindawo ethengisa utywala kuquka nezinye izikhali.

Isebe lezaseKhaya kwelinye icala liye labamba lavalela abemi bamazwe angaphandle abalapha eMzantsi Africa ngokungekho semthethweni njengoko bengenawo amaphepha abavumelayo ukuba babelapha.

Umasipala ubongoze oosomashishini ukuba bohlukane nokuthengisa ukutya okuphelelwe lixesha.

Ukutya okuphelelwe lixesha kuye kwathathwa ngamagosa waseburhulumenteni ukuze kuyolahlwa kungatyiwa mntu.

Ugqogqo olunjena belingaqali kumasipala waseNtabankulu, kwinyanga ezidlulileyo nomasipala waseMbhashe wagqogqa zonke iivenkile zasedolophini eDutywa nalapho wathi wafumana ukutya okubolileyo neziyobisi, kwaphinda kwabanjwa abemi bamazwe angaphandle abaseMzantsi Afrika nangona bengenawo amaphepha abavumelayo.

Kolo gqogqo kwaye kwafumaneka neeziyobisi kwezinye zevenkile ezazisithela ngokuba zithengisa iimpahla yokwakha.