Community

Sifuna utshintsho edolophini yethu

Ibivaliwe idolophu yase Ngcobo osomashishini kwakunye nabahlali baphume ngobunintsi beyofaka izikhalazo zabo kumasipala iDr Ab Xum. Uxwebhu pwezikhalazo oluchaza konke abanqwenela kwenzeka abo bangabahlali. Kubonakala ku kuninzi okungahambi kakuhle kulorhulumente nanjengoko ngamatyeli ngamatyeli abahlali bequqa kumasipala kodwa kungekhonto iqhubekayo. Inkonzo zikarhulumente ezihamba ngonyawo lonwabu phambili ikukuba ong uMphathi womasipala uMr Mulaudi kwakunye neqembu lakhe mababeke phantsi intambo.

U-Thandi Jezile nonguSihlalo we Bussiness forum eNgcobo uthi akhonto intle kwidolophu kudala benyamezele kungoko bebona mabakhe nabo baphakame bancedise, esithi uba akwenzeki oku bakufunayo bazakuqhubeka nomatsha. “Silindele impendulo emva kwezintsuku ezithile kuba esikufunayo kukuba uMasipala lo enze izinto kakuhle, ewe lena yona imtshi izakuwenza umahluko kuba noko asisonwabanga ngoluhllbo kwenzeka ngalo,” utshilo uJezile. OnguSomlomo womasipala uMandilakhe Kondile uzamnkele izikhalo zabahlali esithi uzakuzinika abasemalungelweni ukuze kuphicothwe kuziwe nezigqibo. Bonke abahlali bakuthakazelele oku.

Utata uThembinkosi Butshingi nokumbutho wabahlali I Sanco uthi akonto bangayenzanga kudala bezizisa izikhalazo kumasipala kodwa kungenzekinto ngoku abazuncama tu kuba izinto ngoku ziyonakala. Umfanekiso (Abahlali base Ngcobo besisa uxwebhu lwezikhalazo kumasipala iDr Ab Xuma.)