Crime & Safety

Lichithiwe ityala likaMvimbi

Yintatheli yeKhwezi

Uphume etshaya uNokuzola Mvimbi welali yakwaHala eCacadu,eMalahleni.UMvimbi ebejamelene netyala lokubetha ngenjongo zokonzakalisa indoda erhanelwa ngokudlwengula umntwana wakhe ophila nenkubazeko.INkulumbuso yephondo uOscar Mabuyane,uMphathiswa wesebe loPhuhliso loLuntu uBukiwe Fanta,amanina we-ANC Women’s League namqabane alombutho.Uluntu lwaseChris Hani beluthetha ngazwi linye lusithi ummangalelwa ongunina wexhoba elinguKhayakazi makakhutshwe kucinywe kwa ityala nanjengoko wayekhusela usana lwakhe kwisibhovubhovu sesidlwengu.

INkulumbuso uMabuyane uthi akuxhaswa ukuthathela umthetho ezandleni kodwa uMvimbi othe waligorhakazi elikhusela umntwana wakhe kwaye bayamxhasa.Kanti uMphathiswa wesebe loPhuhliso loLuntu uBukiwe Fanta uthi bakunye nomama wexhoba kwaye konke oku bekungelula.USodolophu waseMalahleni uKhansela Ntombizanele Koni uthi bayabulela kuluntu oluthe lwaphuma ngobuninzi ukuzonika inkxaso kummangalelwa nakwixhoba.

Abantu abasuka kumbutho wabantu abakhubazekileyo bebekhona ukuzonika inkxaso.Ibengamayeyeye emikhwazo yovuyo nemincili lakuba lichithiwe elityala.

UMFANEKISO: UOscar Mabuyane oyiNkulumbuso ebulisa amalungu wombutho wabantu abaphila nenkubazeko eCacadu.