Inkciyo Founder uNasizo Mndende ufuna inkxaso
Edition: 30 April 2026 – 13 May 2026 Intatheli: Ntsikelelo Jonga | Elliotdale/Xhorha
UNasizo Mndende (31), osuka eXhorha eMpuma Koloni, ngumsebenzi wentlalontle (social worker), umseki wombutho Inkciyo South Africa, kwaye ngoku ukwangumbhali wencwadi.
Ukhule ejongene nokuxhatshazwa ngenxa yendlela abantu ababeqonda ngayo ubuhle, ade anikwe isiteketiso esithi “Mbishe”. Nangona kunjalo, akazange aphelelwe lithemba. Waqhubeka ezixelela ukuba ngenye imini uza kufezekisa amaphupha akhe aze abe ngumntu onentsingiselo kuluntu.
Uthe ujongene nemiceli-mngeni emininzi ebomini bakhe, kodwa wayehlala ephakama kwakhona kuba efuna ukwakha igama lakhe, enze impembelelo, aze enze usapho lwakhe luzingce ngaye.
UNasizo uthi uyazi ukuba kusekho abantu abajongene neengxaki ezifanayo nezo wakhulela kuzo, yiyo loo nto efuna ukuba yinxalenye yohambo lokubanceda.

Xa efikelela kwiminyaka engama-31, ubhale incwadi ajonge ngayo ukubuyisa ukuzithemba kubantu abaziva bengabalulekanga okanye bezijongela phantsi.
Le ncwadi yakhe igxile ekukhuleni komntu nasekuzamkeleni, ngakumbi kubantu abasazama ukuzifumana bona. Ayisiyo nje incwadi ekhuthazayo, koko sisibuko esibonisa amandla okunyamezela, ubuntu nokwahluka kwabantu.
Iquka izihloko ezifana nexabiso losapho, ukuxhatshazwa kwi-intanethi (cyberbullying), iintlungu zobuntwana, isidima somntu, isibindi kunye nokuzixabisa.
Le ncwadi ifaneleke ukuba ifundwe ngabazali nabantwana kuba yakha unxibelelwano phakathi kwabo, kwaye ikwanxibelelana nolutsha olukhulileyo nabazali.
Incwadi iyafumaneka ngokuthe ngqo kuNasizo ku-066 389 3218 okanye kuAnathi ku-071 302 1332. Ikwakhona nakwiAmazon. Uku-oda ngobuninzi (bulk orders), nceda uqhagamshelane ku: mndenenasizo@gmail.com.


