AgricultureCommunity

Kuliwa imililo eNgcobo

Umasipala wase Dr Ab Xuma ebambisene nombutho wezokhuselo lomlilo banikeze ngezixhobo zokucima imililo. Eligxathu lenziwe kuzozonke iwadi zase Ngcobo.Amafama ase Ngcobo ngawona athe angamaxhoba okutshiselwa amadlelo nashiya imfuyo ilambatha.Baxhotyiswe kangangoko ngokusebenzisa ezizixhobo ukuze balwe imililo ekhawuleziyo.Icandelo lezicima mlilo kwakunye nelezamahlathi liqinisekise ukuba bonke abo bathi bangena kumbutho wokukhusela imfuyo yabo bayaxhamla kwezizixhobo.Ongumfuyi utata uGadla Msimango nokwilali zase Gqaga uthi oluhlobo lwezixhobo luzileyo banethemba lokuba lakuwenza umahluko omkhulu kuba kudala betshelwa yimfuyo,gqiba kungabikhomntu uvelayo.Amadlelo ethu angamaxhoba okutshiswa kodwa sityisa imfuyo yethu,noko ngoku sakutheyha bhetele sinento esinayo ukukhusela imfuyo yethu kuba xa singayikhuseli indlala izakugquba kuthi,”utshilo utata uGadla. Amafama amaninzi akuqhwabele izandla oku kwenziwe ngumasipala kwicandelo lezemililo.Okwelicandelo uNontando Filani uthi wonke umfana uzakutsho ayazi inxaxheba amakayidlale xasube kukho umlilo,wonke umntu sifuna akhusele imfuyo yakhe lemililo ingaziwayo ikwazi ukuba iliwe ingade imoshe. “Sivile  abantu batshelwa zigusha minyaka le,abanye zingapha kwamashumi amahlanu,lonto ke ithi akukho mfama inomphatha kakuhle lonto kungoko sisithi makuhanjwe kuyosetyenzwa,kuncediswane ukuze siyilwe imililo,”utshilo uFilani. Umasipala ukhuthaze uba nabo bangekangeni kumbutho wokulwa imililo baphathelele kuba lifikile eloxesha lokuba kutshiswe amadlelo.Inkosi zicelwe ukuba nincedisane nabahlali kungabimntu utshisayo gqiba angaziwa.

Umfanekiso:Izixhobo zokulwa imililo yamadlelo bazinikiwe abo bafuyileyo
Kuliwa imililo eNgcobo