Valashiya uphinde wafumana iwonga
Ngu Anele Raziya
Intwazana yaseMount Fletcher, uZizipho Valashiya (21) uthe gqolo ukuzenzela imbali kwibhola ekhatywayo kwiphondo laseMpuma Koloni.
Kulandela emva kokuba ephinde wafumana iwonga njengo sompempe ophume izandla kwitumente yebhola ekhatywayo ebizwa ngokuba yi Engen Knockout Challenge ebibanjelwe eQonce kutshanje.
Lo mfundi weDyunivesithi iWalter Sisulu University, uValashiya wothukile xa libizwa igama lakhe kusithiwa ungusompempe ongqwesileyo (referee of the tournament) kwimidlalo ebibanjelwe eDale College.
Ebeqala ukuvuthela impempe alawule umdlalo njengoko ebeqhele ukuba ngumncedisi kasompempe amaxesha amaninzi.
Kodwa kule tumente ye Engen Knockout Challenge uye wanikwa uxanduva olungaqhelekanga kuye ukuba abengusompempe.
Naxa kunjalo, lentwazana yaseMount Fletcher iye yawenza umsebenzi ngokuzinikela ilawula imidlalo apho amaqela wamakhwenkwana aneminyaka engaphantsi kweshumi elinesibhozo (U/18) ebequbisana wodwa.
Ukanti ukhe wafumana nethuba lokuba alawule nemidlalo yamantombazana aneminyaka engaphantsi kweshumi elinesibhozo (U/18) kwakule tumente inye.
Ibingenguye yedwa usompempe kule tumente bebekhona nabanye oosompempe kuquka nabo banamava kunaye bebephethe eyabo imidlalo.
Kodwa ngexesha kusongwa itumente sele kukhutshwa amabhaso kuye kwabonakala ukuba oyena sompempe oye wagqwesa kunabanye nguValashiya.
“Ndothukile xa ndifumana iwonga lokuba ngusompempe ogqwesileyo kule tumente kwaye lonto khange ndiyilindele mna,” kutsho uValashiya.
Uthe uze kwitumente ezixelele ukuba ufuna usebenza njenge siqhelo azimisele emsebenzini wakhe kodwa khange ayicinga eyokuba angagoduka newonga lokuba ngusompempe ogqwesileyo.
Ukufumana kwakhe eli wonga uthe kuyamkhuthaza njengoko eseneminyaka emithathu kuphela engumncedisi kasompempe kwaye ebeqala nokunikwa ithuba lokuba alawule imidlalo.
Kunyaka ophelileyo ukhe wawongwa naseMnquma apho wafumana iwonga lokuba ngumncedisi kasompempe ogqamileyo ngexesha kubanjwe imidlalo yeNozulu Youth Legacy Cup.
La mawonga uwabona njengonto emnika ithemba lokuba ngenye imini uyakuzibona elawula imidlalo emikhulu ethivini njengo Akhona Makalima oyinzalelwa yaseNgqamakhwe eMnquma.
UValashiya uthe uza kuqhubeka esebenza ngokuzimisela xa esenza umsebenzi wakhe wokuncedisa usompempe okanye engusompempe kude kuphumelele iphupha lakhe ngenye imini.
Lo mfundi waseWSU wayefudula endumdlali webhola yomnyazi (netball) kodwa ngo2022 uthando lwakhe liye lakhula ngamandla kwicala lokuba ngusompempe waphela elandela elokhono.
Okwangoku lentwazana yaseMount Fletcher incedisa kula midlalo yeSasol league kunye nemidlalo yasekuhlaleni ukuzigcina ilola isakhono sayo.
Umfanekiso: uZizipho Valashiya waseMount Fletcher uphinde wafumana iwonga lokuba ngusompempe ogqamileyo.Â


