Abarhanelwa kudubulo lwaseNgobozana batyholwa ngokubulala uGijana
Yintatheli yeKhwezi
Bayatyholeka ekubulaweni kukaMncedisi Christian Gijana abarhanelwa kwityala lokubulawa kweshumi elinesibhozo labantu eNgobozana eLusikisiki.Usapho lakwa Gijana eMount Frere lufuna iimpendulo ngokudutyulwa kubulawe uMncedisi Christian Gijana phambi kosapho lwakhe ngabarhanelwa ababandakanyeka ekubulaweni kosapho lakwaSinqina eNgobozana eLusikisiki.
Kwiveki ephelileyo ingqina lokuqala beliyalele inkundla indlela uMncedisi Christian Gijana owabulawa ngayo kwilali yaseLubhacweni eMount Frere ngomhla we-19 Agasti 2024.Ukanti ingqina losapho lakwaGijana lichazele inkundla kaMantyi indlela elangcungcuthekiswa ngayo usapho ngexesha kulindwe uMncedisi Gijana abuyele ekhaya ngokuhlwa,ixesha eliqikelelwa kwintsimbi yesixhenxe.Emveni kokuba ingqina lichazele inkundla into engapha kweyure,uMzukisi Ndamase nongumtyholwa wokuqala uye wapheka ingqina ngemibuzo echaphazela kwingxelo esele ichazwe lingqina.Lo kaNdamase uphinde wachazela ingqina ukuba akazani nokubulawa kukaMncedisi Gijana kuba yena oko wayeseluvalelweni ukusukela ngomnyaka ka-2007 akazange wabaseMount Frere ngexesha lesiganeko.
Kanti ummeli womnye wabarhanelwa ucele inkundla irhoxise ityala kude kube kwiveki elandelayo nanjengoko ubungqina bezotshutshiso bungaphelelanga xa kuthelekiswa nengxelo ebichazwe lingqina ngethuba kuqhuba ityala.Ityala lokudutyulwa kubulawe usapho lakwaSinqina kunye nokubulawa kukaMncedisi Christian Gijana kuleveki imiyo.


