Crime & SafetyLocalNewsReligious News

Umam’umfundisi ubanjelwe indlu yobuhenyukazi

Intatheli: Monwabisi Khininda | East London (SA)

Emini ngumama onesidima ofundisa abantwana bamabanga aphantsi kwisikolo iSinomonde Primary eMonti. NgeCawe useCaweni. Ukutshona kwelanga ubuyinqununu yendlu yobuhenyukazi eseQuigney eMonti. Oku kuvele kwinkundla yamatyala yaseMonti ngoLwesine ngethuba uVuyokazi Gana (52) esima emaplangeni, ejamelene nezityholo zokuxhaphaza kwanokuthengisa amantombazana.

Amantombazana aphakathi kweminyaka eli-15 ukuya kwengama-21 asuka kooMthatha, Qumbu, Ngqeleni nezinye iilali ebelotywa ngulo kaGana ngesithembiso semisebenzi eMonti. Xa la mantombazana efika eMonti ebeye asiwe kwipomakazi likaGana elikufuphi nonxweme iEastern Beach. Apho bebenikwa iilokhwe ezimfutsane okanye iimpahla eziveza amalungu omzimba nezihlangu zohlobo lweechops, kuthiwe mabayokuma phandle basabele iminqweno yamadoda agqitha ngendlela. Indoda encwasileyo ibikwazi ukungena ngaphakathi kule ndlu nentombazana okanye ihambe nayo, isawugqiba ukuzonelisa ngesondo ihlawule.

Yonke loo mali ibisiya kuGana,obeye anike intombazana isabelo sayo.Nangona kunjalo intombazana nganye bekulindeleke ibhatale imali esuka kuma-R250 ukuya kuma-R300 ngosuku kuGana. Ukuba ayinayo ibigxothwa. Ezi zityholo zothuse inkundla kwakunye namatshantliziyo wamalungelo oluntu abebegcwele kule nkundla yaseMonti. UGana umelwe nguAdvocate Mvinjelwa. Eli Gqwetha lithi ummangalelwa uqale ngomnyaka wama-2023 ukwazi ukuba uphantsi kophando egqogqwa ngamapolisa malunga neshishini lakhe kodwa zange abaleke kungoko kwezinye zezizathu athe makakhululwe kuba akazakubaleka. Umbuso uyasichasa isicelo sebheyile ngenxa yobuzaza bezityholo ajongene nazo. Uzakuphinda avele enkundleni kule veki. Kwingxelo efungelweyo uGana uthe akazuwavuma amatyala atyatyekwa wona yinkundla.