Community

USodolophu usebenzisana noluntu kuphuhliso

Yintatheli yeKhwezi

Umasipala kunye noSodolophu waseEnoch Mgijima uMadoda Papiyana bebendwendwele kwilokishi yaseMlungisi eNomzamo eKomani kwa-wadi 15 apho bekucocwa amathafa angekho semthethweni kulungiswa iindlela nombane.Oku kuza emveni kwentlanganiso ebibanjwe ngabahlali baseNomzamo kunye noSodolophu kwiveki ephelileyo apho abahlali bebeye bambhalela uxwebhu lwezinyanzeliso (petition) bedwelise izikhalazo zabo ngokungafiki kweenkonzo kule ngingqi.

USodolophu uye wathembisa ngokubuya kule veki nalapho athe eliphulo lococeko luzakubanjwa isithuba seeveki ezimbini.Umasipala kule ngingqi uye wafumanisa ukuba unizni lwabahlali bakwa –ward 15 bawutswebile umbane ngokungekho semthethweni ngoko ke uze nephulo lweSmart Meters oluzakuqala ngoSeptemba ukukhawulelana nocimi-cimi wombane kule ngingqi.

USodolophu wandule wathi abazuphela kule ngingqi nezinye eziquka umasipala i-Enoch Mgijima kwaye basekunikezela ngee projekthi ezintlanu ezisele zilungile zabahlali.