USodolophu ukhuza umhlola wokubulawa kwamanina
Yintatheli yeKhwezi
UKhansela P.N Pepping onguSodolophu waseNgquza Hill ukhuza ekhalima ukubulawa kwamanina kwesi sithili.UPepping uthi njengokuba kubhiyozelwa usuku lwamanina kulevi mayiqhube impi yokulwisana nenyumnyezi elenziwa ngamadoda ebulala,edlwengula amabhinqa weli.Uthi ayinyamezeleki kwaye ludaba elifuna ukuphakanyelwa ngumntu wonke eli lokubulawa kwabo bangakwazi kuzilwela.
Uphinde wabongoza ukuba makubekho ukhuseleko olukhawulezayo kumanina.Ukanti uncome indlela abantu abazimisele ngayo ukuba kubekho inguqu,nokuqhubeka bezizibonelelo ezintle eluntwini,nto leyo enika ithemba kwisizwe saMampondo kunye noMzantsi Afrika uphela.


