Ityalike inceda amaxhoba ezikhukula eMthatha
Yintatheli yeKhwezi
Umsunguli webandla iJesus Assemblies of God eMthatha uBishop Goodman Zamela uthi belibandla bakholelwa ukuba ukunceda abasweleyo yenye yendlela yokushumayela ilizwi leNkosi.Kutsha nje elibandla lenze umnikelo weempahla kumaxhoba ezikhukula ezagubungela anatu baseMpuma Kapa ingakumbi kummandla waseMthatha.UZamela uthi lo mnikelo bawugqithise kubantu abakumawaka amathathu. “Iinjongo zelibandla ayikokushumayeza abantu kuphela koko sikhulula iingqondo zabantu ngokuthi sifake isandla kubantu abadingayo.Awungeke ushumayeze abantu abalambileyo nabasweleyo kuba ngeke bayive leyo ntshumayelo ngenxa yemeko abazibona bekuyo.Sithathe isigqibo sokubo inyanga nenyanga sizobetha imali kubakho into esibenzela yona,” kutsho uBishop Zamela.Uthi ekuqaleni bebexhasa amalungu ebandla kuphela kodwa ngoku banceda abantu abangenamakhaya nabasweleyo.UBishop Zamela uthi balandela iimfundiso zikaYesu Krestu owayengajonganga izidingo zomoya kuphela kudwa nezidingo zomntu esisiqu.
“Aba bantu siphinda sibancedise ngoqeqesho kwizakhono ezizakubenza baqesheke.Sikholelwa ukuba ngokwenza njalo sakha ubuKumkani bukaThixo.Abanye babantu esiye sabanceda baye baqesheka ngoku bayasebenza.UZamela uthi umcelimngeni abahlangabezana nawo ngowokunqongophala kuba bebezimisele ukuncedisa ngokutya kwezi ntsapho.Sincedisana norhulumente kumalinge akhe okulwa intselo nendlala.” UBishop Zamela uthi idolophu yaseMthatha yaziwa ngolwaphulo mthetho oluxakileyo,kodwa belibandla bazama ukuguqula iingqondo zabantu ukuba bangaziphilisa ngaphandle kokubhenela kulwaphulo-mthetho.” Uthi olungenelelo lusukela kumava wakhe ngethuba ehlala esitratweni.Kungako ndibenengcabango njengenkokheli yebandla,kukho abantu abandithatha esitratweni ngoku lithuba lam lokuba ndenze oko kwakwenziwe kum ukuze ndiphule ubomi obugqibeleleyo,”uqwele ngelo uBishop Zamela.


