Iyabuya imidyarho yeembaleki
Intatheli: Anele Raziya | Mnquma
IRoyal Strides Athletic Club yelali yakuNdabakazi cebu kuhle nedolophu yaseGcuwa sele iqhuba nokhuthaza iimbaleki zaseMnquma, Mbhashe nezezinye iindawo ukuba zihlale zikulungele ukhuphisana kwimidyarho ezayo.
Kwiveki ephelileyo iRoyal Strides Athletic club ikuphe umpoposho ochazayo ukuba kwinyanga ezayo ngomhla weshumi elinesihlanu (15 November) kuzobanjwa umdyarho ozikhilomitha ezintlanu (5 Km race) kwidolophu yaseGcuwa.
ULulama Tase ongomnikazi weli qela leembaleki lakuNdabakazi nokwangumququzeleli owaziwayo weemidyarho eMnquma, uthe umdyarho ozakubanjwa eGcuwa kwinyanga ezayo uzakuba ubizwa Super Spar Spargs 5 Km kwaye uzakulandelwa nayeminye.
Uqala ngalo Mgqibelo (1 November) ukhona umdyarho ozakuba usindlekwa yiLux Matikinca Foundation ibambisene neBridge To Heaven Christian Fellowship kwaye iimbaleki kulindeleke ukuba zibaleke umngama ongange 5 Km.
Wonke umntu oyimbaleki nalowo ungeyiyo wamkelekile ukuba abeyinxalenye yalo msitho njengoko kuzaba kukhona nomdyarho obizwa ngokuba yiFun Walk kuphinde kubekho i-Aerobics ulungiselela abo babawela ushushubeza igazi ukuze bakwazi uhlala besempilweni.
UMatikinca weLux Matikinca Foundation uthe wonke umntu onomdla wokuba yinxalenye yalo msitho uvumelekile kwaye neembaleki nokuba isuka kweyiphi idolophu yamkelekile ukuba izokuphisana.
Oka Matikinca uthe lomdyarho uzakuba utshayelela iworkshop yebhola ekhatywayo ezakubanjelwa kwiYunivesithi iWalter Sisulu eseBika eGcuwa ngeCawe.
Owaziwayo kwicala lokuba ngumchongi wabadlali bebhola ekhatywayo, uDr Walter Steenbok owayesebenzela iKaizer Chiefs, ezokuncokola nabaqeqeshi abasakhulayo nabachongi abasakhulayo kumsitho obizwa ngokuba iNational Talent ID Workshop.
UMatikinca uthe apho uDr Steenbok uzakuba esabelana ngolwazi nabaqeqeshi basekuhlaleni ngendlela zokukhetha abadlali abanesakhono sokudlala ibhola ekhatywayo.
INozulu Youth Legacy Cup ekhokelwa kwanguMatikinca, iWalter Sisulu University nombutho webhola iMnquma Local Football Association (Mnquma LFA), ngabo abaququzelela lomsitho azakuba uDr Steenbok esenza intetho ethe nqabavu kuwo njengoko enamava wokusebenze amaqela afana neMamelodi Sundowns kunye neqela lesizwe iBafana Bafana.
Ngokwengxelo ephuma kuMatikinca ngabantu abalishumi elinesihlanu (50) ekulindeleke babeyinxalenye yale workshop yebhola.
Kodwa uthe kuzoqalwa kuyobalekwa kulo umdyarho uququzelela yiFoundation yakhe nozakubanjelwa ngaseMsobomvu Shopping Center.
UTase uthe imidyarho efana nalena iyanceda ukhulisa inani leemidyarho eMnquma kwaye neembaleki zizakufumana ithuba lokuphumelela amabhaso aphambili.
Emveni komdyarho waseSuper Spar Spargs 5 Km kuzolandela owaseWayside Budget Hotel 5 Km kwaye lonto iyamonwabisa uTase kuba iimbaleki nazo zifumana ithuba lokuba zikhuphisana njengokuba inqabile imidyarho kwindawo yaseMnquma kwaye ibakhona xa kuzophela unyaka.


