Uyaphucuka nangakumbi umsebenzi owenziwa ngamafama
Ngu Anele Raziya
Uyaphucuka nangakumbi umsebenzi owenziwa ngamafama waseMbhashe avelisa imifuno (vegetables) kunye nalowo afuyileyo imfuyo efana neehagu, gusha kunye nezinye izilwanyana.
Ukanti nabo ookopolotyeni abenza umsebenzi wezandla ofana nokuthunga imimbaco nempahla, uhlohla iintsimbi, kubonakala liqaqambile ikamva labo ngenxa yomsebenzi wabo omhle abawenzayo kwidolophu zaseMbhashe.
Kutsha nje isebe elijongene nezolimo kwingingqi yeAmathole likhe latyelela kwindawo yaseXhorha eMbhashe ngenzame zokwabelana ngolwazi namafama kunye nabathungi bezalali.
Olu tyelelo belingaphantsi komxholo obusithi Eastern Amathole Agriculture and Food Trade Fair Initiative kumsitho ububanjelwe kwiholo Indoor Sport Centre eXhorha.
Amagosa waseburhulumente agoduke engawuvali umlomo luncumo emva kokuba enikwe ithuba lokuba akhe angene kwimarike apho amafama welali zaseMbhashe ebebonisa khona ngezinto azivelisayo kwintente ebesicaleni kweholo.
Amagosa ancome imifuno, impahla ezithungiweyo, iintsimbi ezihlohliweyo ngenxa yomngangatho wazo ezomveliso ububonakala uphezulu.
Omnye wabanye ookopolotyeni ababizwa iThree Toti Cooperative, uSiyamcela Fudumele uthe beyi Three Toti bekudala belifuna ithuba lokuba kuthiwa mababonise ngezinto zabo abazenzayo.
“Thina kulo wethu ukopolotyeni sivelisa izinto ezininzi uqala kwimifuno izinto ezifana nesipinatshi, khaphetshu sikwafuyile neehagu kwaye bekukudala sidinga ithuba lokuba sibonise ngomsebenzi wethu,” kutsho uFudumele.
Uthe kangangokuba zonke izinto ebebebonisa ngazo ngexesha leMarike kwintente ziye zathengwa zaphela ngenxa yomngangatho wazo oncumisayo.
Uqhube wathi uvuyela nento yokuba kuye kwabizwa iivenkile ezinkulu ukuba zizokubona imveliso zabo ntoleyo ebakhuthazayo kakhulu.
USodolophu waseMbhashe uSamkelo Janda uthe into ebalulekileyo yintsebenziswano kumafama ingakumbi asakhulayo.
Uthe kuyabonakala ukuba sikhona sona isakhono solima nokufuya kumafama wabo kwaye afuna usondezwa kumashishini amakhulu azokufumana ubundlelwane wokuba kuthengwe kuwo kuzokutsho kumke indlala kuvele namathuba emisebenzi.
UJanda uwancome wonke amafama nabo bathungayo ngomsebenzi wabo oncemekayo watsho esithi indawo ezifana neMarket day zibaluleke kakhulu ukuze oosomashishi nabathengi bazokubona imisebenzi yabo.Â

Kulo mfanekiso yiThree Toti Cooperative eyenza umsebemzi oncomekayo.Â

