Ulutsha lwela yaseQora eMbhashe lizakumbiyozela inyanga yamafa namagugu wesizwe ngetumente yebhola ekhatywayo nekwagxeleshe ukulwa izenzo zolwaphulo mthetho kula mandla.
Itumente yebholo ekhatywayo entsuku mbini kulindeleke ukuba isindlekwe kwilali yaPhesheya kweQora uqala ngalo Mgqibelo uyokuma ngeCawa (13-14 Septemba).
UMnoneleli Nkohla ongomnye wabaququzeleli, uthe itumente iza kusindlekwa liqela lasekuhlaleni iQora Swallows FC ngenjongo zokuzama ukulwa nazo naziphina iziganeko zolwaphulo mthetho.
“Kwilali zethu kusekho umcelimngeni wamakhwenkwe asaxabelanayo ngamazembe kuba esithi awahambelani nawezinye iingqingqi,” kutsho uNkohla.
Uthe ngale tumente beyiQora Swallows FC bazama ngandlela zonke zokuphelisa iimilo yamakhwenkwe ukuze kwakhiwe ubuhlobo ngeemidlalo.
Uqhube wathi kunyaka ophelileyo ngexesha besindleke itumente baye bakhweba iinkosi, abantu baseburhulumente kuquka nonoontlalontle ukuba bazokuthetha nolutsha malunga nobugozi bokulwa ngamazembe.
Uthe nakwi tumente yangoMgqibelo sele bememile amagosa eburhulumente nakumasipala ukuba asondele azokuxhobisa ulutsha ngobugozi bolwaphulomthetho logama kwelinye icala bazakube bembiyozela inyanga yamafa namagugu wesizwe.
Uqhube wathi ezinye zenjongo zalemidlalo kubanegalelo ekuphuhliseni imidlalo efana nebhola ekhatyayo ezilalini.
Njengokuba itumente isungulwe kunyaka ophelileyo liqela iQora Swallows FC, ngamaqela alishumi elinesithandathu (16) athe athatha inxaxheba kuyo.
Kangangokuba nakweli ityeli abaququzeleli betumente balindele inani lamaqela azakuthatha inxaxheba linqabele kwinani lonyaka ophelileyo.
Amabhaso aphambili, kulindeleke ukuba iqela elizintshatsheli ligoduke negusha, iimbasa zegolide kunye nebhaso lemali ezakubhengezwa ngala mini iqala ngayo itumente.
Iqela eliphume kwindawo yesibini nalo lakufumana iimbasa zesilivere kunye nemali ezakubhengezwa ngala mini.
Zonke izixhobo ezinobugozi azivumelekanga ukuba ziphathwe ebaleni ngezintsuku zemidlalo.
Abahlali, iinkosi zasekuhlaleni kunye nabo baseburhulumenteni kulindeleke ukuba bazimase lemidlalo ijolise ekulweni ulwaphulo mthetho nokumbiyozela inyanga yamafa namagugu wesizwe.


