CommunityNewsWallacedene

LUCELA UNCEDO LWENKXASO YE ‘UNIFORM’  USAPHO OLUTSHELWE YINDLU

Intatheli: Ntsikelelo Jonga

Umlilo ongekaziwa nangoku unobangela wawo watshisa indlu nayo yonke into eyayingahakathi, kwasinda umfana omncinci owayengaphakathi. Kwatsha kwangqongqa yonke into, okuzincwadi zesikolo, izazisi nayo yonke into eyangahakathi yatsha yaluthuthu. Ilungu losapho uZinathi Mhlaba uchaza athi umlilo lo waqala ngentsimbi yesithathu ekuseni ngokokuva ngabamelwane nanjengoko yena wayengekho kuyo indlu ngethuba isitsha.

Uthe kwakushiyeke ubhuti wakhe oneminyaka eli-15, nowathi wothuswa kukutsarhwa ngumsi ngethuba umlilo uqhubekeka nokutshisa indlu. Oku kwenzeke kwinyanga yesiLimela.

Luyacela usapho ukuba luncedwe ngenkxaso ye ‘uniform’ size 14 kwakunye nezihlangu usize 6/7 zomntwana ongumfana ukuze akwazi ukuya esikolweni. “Naluphi na uhlobo loncedo lwamkelekile”, uthethe watsho uZinathi.

Indlu yona ikule ‘address’ 15704 Charles Street Bloekombos.