Elections 2024News

Abahlali beendawo ezahlukeneyo eMnquma bavakalisa ukungoneliseki nguRhulumente

20 kuCanzibe 2024 – Anele Raziya

Abahlali beendawo ezahlunekeyo eMnquma bavakalise ukungoneliseki ngumgama osele uhanjwe ngurhulument ophetheyo kwicala lokuzisa inkonzo ezingcono eluntwini, logama abanye bencoma ngelithi izinto azisafani nakuqala ngaphambi kwenkqubo yedemokrasi.

Ezi zimvo zabahlali zivele ngexesha eliphephandaba belincokola nabahlali baseMnquma libabuza ukuba sele bekulungele ukuthatha inxaxheba kulo nyulo lukazwelonke olu zakubanjwa ngomhla wama29 kule nyanga.

Bonke abahlali abancokole neli phephandaba bathe bazakuvota kodwa bazakuvotela amaqela awohlukeneyo ngenxa yezizathu ezahlukeneyo zabo.

UBuyiswa Mzamo ongomnye wabahlali baseMnquma, uthe kudingeka ukuba khe kunikwe amanye amaqela wezopolitiko ithuba lokuba axhuzule imikhala kuba iANC ibonakala idiniwe kuzisa inkonzo eluntwini.

“Sijongene nenkqubo kacimi-cimi embaneni, kunqabe amathuba weemisebenzi kwaye neemizimveli (factory) ekwakuthenjiswe ukuba iza kuvulwa eGcuwa ayikavulwa kunanamhlanje, yonke lonto yenzeka ngaphantsi kolawulo lweANC,” kutsho uMzamo ophila ngokuzithengisela esitratweni kwidolophu yaseGcuwa.

Uthe kufuneka umbutho weANC uthathwe ubekwe ecaleni kulawulo kuba kuyabonakala ukuba udiniwe kuzisa iinkonzo eluntwini.

Omnye umhlali, uMfundi Makhoba, uthe ngekuba iyabonakala indima edlalwe ngumbutho ophetheyo kweli sukela oko kwangena inkqubo yedemokrasi, kodwa urhwaphilizo kumasebe karhulumente, ubuqhetseba kwinkqubo yethenda kunye nezinga eliphezulu lolwaphulomthetho zezonanto ezigqumelela wonke umsebenzi omhle owenziweyo kule minyaka idlulileyo.

“Sixakene nolwaphulomthetho olundlangileyo kodwa sinorhulumente owabekwa sithi bantu abantsu, kwelinye icala ayikho imisebenzi, into esiyivayo kutyiwa kwemali ekumele izisa inkonzo eluntwini.

Ewe kona, urhulumente ophetheyo ukwazile ukwakha izikolo ezisemngangathweni namaziko ezempilo emaphandleni nasezilokishini kodwa ingxaki imali eninzi ilahlekile ingawenzanga umsebenzi wayo,” kutsho oka Makhoba.

Kodwa uMakhoba uthe umbutho ophetheyo uza kuphinda awunike elinye ithuba lokuba ulungise iimpazamo zawo xa kuvotwa.

UAphiwe Ntoni yena utheni ufuna kunikwe omnye umbutho ithuba lokuba uphathe nokuba yiUDM okanye EFF ingakumbi kwindawo yaseMnquma.

“Kunzima oko iimizi mveliso (factory) yaseGcuwa yavalwa ngexesha kungena iANC kulawulo ayikavulwa nangoku ngeloxesha urhulumente ephondweni umane ethembisa ukuba iza kuvulwa xa esenza intetho yokuvula iNdlu yowisoMthetho eBhisho,” kutsho uNtoni.

Uthe angafane ancome kwicala lokwenziwa kwendlela esuka edolophini kuCentane ukuza eGcuwa, nangona esithi kuhamba ngenyawo lonwabo ukwenziwa kwayo ngenxa yokungabhatalwa kwabasebenzi ngexesha.

Uqhube wathi kubalulekile ukuba abahlali bayiphumze iANC kuba ibonakala idiniwe kuzisa inkonzo eluntwini kwaye kunzima nokuba ivelise amathuba emisebenzi kurhulumente wayo njengoko ulutsha luhleli emakhaya lungasebenzi.

 

Exif_JPEG_420