Uncategorized

Ide yalungiseka imeko yokuthuthwa kwabantwana besikolo 

Intatheli: Monwabisi Khininda | Mpuma Kapa

Bade babhataleka oonotekisi abathutha abantwana besikolo abebesoloko begrogrisa ngokunqumamisa ukuthuthwa kwabantwana de babhataleke imila abayityalwa lisebe leZothutho eMpuma Kapa. “Imeko ibuyele esiqhelweni. Siphawule ukuba kukho oonotekisi abangekabhataleki kodwa isebe liyazilungisa iintlawulo ukuze wonke umntu abhataleke,” kucacisa uOscar Mabuyane oyiNkulumbuso yaseMpuma Kapa.

Ukuphazamiseka kwenkonzo yokuthuthwa kwabantwana besikolo iqale ngomhla we13- kweDwarha 2025 apho oonotekisi baye barhoxisa inkonzo yokuthuthwa kwabantwana besikolo,bekhalazela ukungabhatalwa.

Okunqunyanyiswa kwezi nkonzo kuchaphazele abafundi abakuma-700 abafunda uGrade 12 abangakhange bakwazi ukuya esikolweni ngenxa yale ngxaki ephakathi kwesebe leZothutho nonotekisi abanikeza ngenkonzo yokuthutha abantwana besikolo. Kulo nyaka mali ibese libekele bucala imiali ekuma-R725 ezigidi yokuthuthwa kwabantwana abesikolo ephondweni.