Kubanjwe otyholwa ngokuxhomisa imoto yakwa-SBV
Intatheli: Monwabisi Khininda
Ibutho looKhetshe (Hawks) eMonti libambisene namapolisa asePitoli abambe umrhanelwa ogama linguNkoketseng Koketso Pule (42) kutsha nje, ebanjwa ngezityholo zokuphanga isithuthi esiphatha izigubha zemali sakwa-SBV. UPule ngowenani kwabanye abarhanelwa abangoo: Bongani Mbuyisa (48), Sibusiso Mavuka (44), Danielle Nefete (46), Peter Mgunculu (58) kunye noBulelani Irvin Didishe (43) ababanjwa ngoAgasti kunyaka ophelileyo.Bonke basagcinwe eluvalelweni ukusukela ngoko.
Ukubanjwa kwabo kungqamene nesiganeko somhla we-29 July 2024 ngenstimbi yesithandathu kusasa ngethuba isithuthi sakwa-SBV esasisuka eMonti sisingise eCumakala sabanjwa liqela labarhanelwa ababexhobile kwindlela u-N6 ngaseMacleantown. Ngokwengxelo konzakala oonogada abathathu ngethuba isithuthi sabo sihlaselwa ngaba nqevu. Isithuthi esasizoncedisa sakwa-SBV naso sadutyulwa. Abarhanelwa babaleka nesixa mali esingachazwanga bashiya izithuthi zabo ezithathu. Zathi zakujikeleziswa ngamapolisa kwavela ukuba zichazwe njengezebiwe kumaphondo amabini. Kanti kwafunyanwa neziqhushumbisi kwakulondawo .
Isithethi sebutho looKhetshe uWarrant Officer Ndiphiwe Mhlakuvana uthi ngosuku olufanayo amapolisa afumana iinkcukacha ezakhokelela amapolisa kwilali yakwa-Kom kuQoboqobo. “Ngethuba efika amapolisa ahlangana neembila zithutha,edutyulwa, nawo abuyisa ngenjongo zokuzikhusela aze abulala oonqevu abahlanu,”kucacisa uWarrant Officer Mhlakuvana.Amapolisa afumana iingxowa zemali kunye nalemipu ilandelayo: 1 x 1R1 Rifle, 4 x R5 Rifles, 17 magazines zineembumbulu ezingekasebenzi kulondlu ebinabarhanelwa.U Pule uzophinda avele enkundleni yamatyala eQonce kule veki.


