Ixhego ligwetyelwe ukudlwengula
Monwabisi Khininda | Ngqushwa
Igama likaMluleki Makrwalana (62) lifakwe kuluhlu lwezidlwengu eMzantsi Afrika, emveni kokuba ethiwe nka-a ngodilikajele yiNkundla yeNqila yaseNgqushwa. Esi sibhovubhovu sadlwengula intwazana eneminyaka elishumi elinesihlanu (15) ubudala.
Ngokwengxelo ethiwe thaca enkundleni igxininisa ukuba le ntwazana yadlwengulwa nguMakrwalana ngenyanga yeNkanga ngo-2023 ngexesha umfazi kaMakrwalana wayengekho, le ntombazanana yayineminyaka elishumi elinesihlanu (15) ngoko. Eli xhoba lasinda cebetshu kweso sehlo nanjengoko yakwazi ukubaleka intswayiza yayokucela uncedo komakhelwane.
Lo kaMkrwalana waye wabanjwa ngenyanga yoMqungu 2024. UMakrwalana ngexesha esenkundleni wachubela inkundla ukuba babevumelene nale ntwazana. Ukanti inkundla yayikhaba ngawo omane loo ncaza; ikwagxininise ukuba le ntwazana ibiselula. Ukongeza Igunya- Bantu leZotshutshiso ephondweni lisamkele isigwebo senkundla ngakuMakrwalana.

