Kubanjwe nomhlolokazi kwelokudlwengula inkwenkwe
Intatheli: Monwabisi Khininda | Monti
Umama wenkwenkwana eneshumi elinanye leminyaka ubudala edlwengulwe ngabasetyhini ababini kwindawo yaseEsinqaqu-nqawini eMonti uthi ufuna ubulungisa. Aba basetyhini abaquka nomhlolokazi banqakulwe bavalelwa ngamapolisa ngoLwesibini kwiveki ephelileyo. Umama wale nkwenkwana uthi uye wasa unyana wakhe emapoliseni aze amthumela esibhedlele emva kokukhala ngentlungu kwilungu lakhe langasese. Le nkwenkwana ifumana uloluleko ngokwasengqondweni.
UMnu. Petros Majola wequmrhu iKhula Development elilwela amalungelo abantwana uthi kutyholwa ukuba abarhanelwa baqale badlala ngelungu lobudoda belibhucabhuca ukuze liqine lilungele umcimbi.
OSisithethi seGunyabantu lezoTshutshiso uLuxolo Tyali ungqinile ukuba esi sibini besivele enkundleni kaMantyi eMonti ngoLwesine; ityala laze lemiswa ukuze bafake isicelo sebheyile. UPetros Majola ukhuthaza ukuba esi sibini singayinikwa ibheyile.
