U-SANRAL uzibophelele ekugqibezeleni ulwakhiwo lwendlela
01 September 2026 | Monwabisi Khininda | KwaBhaca
UMasipala weSithili wase-Alfred Nzo uluthakazelele ungenelelo lwe-arhente u-SANRAL (South African National Roads Agency SOC Limited) ngokuthi iqinisekise ukuba izoyibhatala yonke imali kunokontraka owayesakha indlela eku-N2 phakathi kwedolophu yakwaBhaca nedolophu yaseMaxesibeni eziphantsi koMasipala iMzimvubu. Kumhlangano obudibanisa ababandakanyekayo kwiveki ephelileyo kuvunyelwene ekubeni umsebenzi mawuqhubeleke kusetyenziswane ukuze lo msebenzi ugqitywe ngexesha ekuvunyelwene ngalo. USosithili wase-Alfred uTshileng Sobuthongo uthe: “Siyakubulela ukuzibophelela kuka-SANRAL nokuxazululwa kwemeko yentlawulo ebike yenza kwanzima ukuba kusetyenzwe. Esi sivumelwano sithetha ukuba lo msebenzi uzogqitywa ngexesha ekuvunyelwene ngalo.”
Uhambisa athi umasipala wesithili uyibonile indlela ekuphazamiseke ngayo ukuhamba kwezithuthi kulomzila. Oluphazamiseko luchaphazele amashishini, uhambo lwezithuthi noluntu olusebenzisa lo mzila. Uthe urhulumente uyaxolisa ngobu bugqwidi-gqwidi. USobuthongo umothulele umnqwazi u-SANRAL, unokontraka, oomasipala basekuhlaleni, oosomashishini ngokuhlala kwisithebe sengxoxo kusonjuluwe amaqhina adale ukuba umsebenzi ume ngxii.


