EducationLocalNews

Zizoqhubeleka izifundo eForte Hare 

Intatheli: Monwabisi Khininda | Dikeni (Alice)

Ibhunga elilawula iYunivesithi yaseForte Hare likhathazekile ngumonakalo owenzeka ngexesha kuqhankqalaza abafundi kwiziko eliseDikeni (Alice) naseMonti. Olu qhankqalazo lwashiya abafundi bengenazindawo zokuhlala ngenxa yokonakaliswa kwezakhiwo. Kwisaziso esikhutshwe libhunga lisichaze esi siganeko “njengesaphula intliziyo” xa libona umonakalo kwizakhiwo zezolawulo, iindawo zokuhlala kwabasebenzi nezakhiwo zecandelo lezifundo zolimo kwiziko eliseDikeni. Ibhunga lichaze ukuba into elixolisayo yeyokuba akukho mntu waphulukana nomphefumlo kule mbondembonde.

Ibhunga longeze ngelithi lizakuqinisekisa ukuba kubuyiselwa uzinzo nenzolo kweli ziko ukuze izifundo ziqhubeleke njengesiqhelo. Ibhunga liyalele abalawuli ukuba bazise ngaphambili ingxelo ezingezicwangciso zokuvulwa kwakhona kweli ziko ukuze izifundo ziqhubeleke. Ibhunga elilawula lamaziko omabini lithe lizotyelela lamaziko ukuyohlola umsebenzi osele wenziwe.

Ibhunga limbulele kakhulu uMphathiswa wesebe lezeMfundo uButi Manamela nesebe neMfundo noQeqesho ngenkxaso yalo. Likwancome nabo bonke ababenegalelo ukuze kuqhutyelekwe nokufundiswa kweli ziko. “Silibhunga sizibophelele ekuqinisekiseni ukuba eli ziko lakhiwa ngokutsha siqiniseke ngokhuseleko nokusebenza ngokubambisana,” kucacisa u-JP Roodt osisithethi sebhunga.