BusinessLocalNews

‘Ndandithengisa esitalatweni kodwa ndiyindoda

Intatheli: Yonela Mpaka | Ngcobo

Uwongwe ngemoto umfana oselula wase Ngcobo u Xolile Madywathi.Inkampani yamayeza ithe yanikeza ngemoto ku Xolile ngenxa yesakhono esigqwesileyo sokuthengisa. Umadywathi nosele eneminyaka engapha kwesithathu ekulenkampani ubuye nomvuzo.

UXolile uqale ukuthengisa esitalatweni ibhotilana nje ezimbalwa de wenyukela ukuyothengisa nasezilalini. Iphupha lika Xolile uthi lifezekile emva komsebenzi awenzileyo, ubalise esithi lento yokuthengisa uyiqale kancinci engenathemba lanto kodwa iyindlela abeka ngayo ukutya etafileni, uthebekunzima kakhulu ukuthethana nabantu ngoko ebesaqala ukuthengisa.

“Ndithe ndakuya phesheya ndiyovuzwa ngemli kwakunye nokuhambisa mahala ndaqala ndazimisela kakhulu, kodwa ndandime ngelithi ngenye imini ndakuvuzwa, ibingathi ndisephupheni ukunikwa kwam lemoto kodwa ndabe ndiqonda kukuzinikela emsebenzi wam,mntu omtsha ndithi vuka uzenzele,” utshilo u Xolile Madywadi.

Abantu abatsha nasele nabo beqalile ukuqhuba elishishini bamqhwabele izandla oka Madywathi besithi bebembona esitratweni kodwa khange bayazi angabuya  nokuhle ngoluhlobo. Intwazana uNonyaniso Ntshwanti uthi naye uqalile ukuvuka azenzelel kuba uyabona imisebenzi inqabile.