Community

Kuphawulwe usuku lwamanina eCacadu

Yintatheli yeKhwezi

Amanina elali yakuMaqhashu nezinye iilali ezikufuphi eziquka i-Ntsinga bebeyinxalenye yokuphawula usuku lwamanina kwiholo yelali yakuMaqhashu eCacadu phantsi komasipala wase-Emalahleni.UKing Sambu weTutuse Community Project uthe wasingatha le nkqubo njengekhubalo lokonwabisi abantu basetyhini.Lo kaSambu uthi uncediswe ngabaxhasi abathe baphosa esivivaneni eziquka uTwizza,Star Bread kunye noBoxer Supermarket othe waphekela la manina wanikezela nangekeyiki enkulukazi.

USambu ukwanikezele nangemithi ukuze abantu bakwazi ukutyala,kwakunye nempahla yokunxiba.Oomama bakuMaqhashu abavuvali umlomo bebulela kuKing Sambu nalapho bathi oku ayikokokuqala uSambu ebenzela izinto ezintle,bebulela ngokungazenzisiyo ngelinyathelo.

USambu uthi okusentliziyweni kuye kukwenza umehluko,ekwamemelela ukuba kubekho abo banokuthi bamane bencedisa ngezithuthi xa kukho iinkqubo azenzayo nanjengoko enomnqweno wokuqhubeleka esenza umahluko kuba kubakho neelali ezizayo.

UMFANEKISO:UKing Sambu esika ikeyiki ngosuku lwamanina eCacadu.