Arts & CultureNews

AmaHlubi awakwamkeli ukugruzulwa kukaNatal  

Monwabisi Khininda | KwaZulu-Natal

Isizwe samaHlubi esikhokhelwe nguNkosi Langalibalele 11 sikholelwa ukuba uNatal kuKwaZulu-Natal luphawu lonxulumano lwephondo nesizwe samaPutukezi  (Portuguese ) neNkululeko yawo kwisizwe samaZulu. Isizwe samaHlubi esisesinye sezizwe sabaMbo kukholeleka ukuba siso esaqala sahlangana namaPhuthukezi berhwebelana kumanxweme nasekungeneni kwimpuma yoMbindi Afrika.

Eligama leNatal livele xa uVasco da Gama owayenguvulindlela walithiya elinxweme njenge Terra Natal ngomnyaka u-1497 emva kokudlula kulo ngomhla weKrismesi. Iye yakhula ukusukela kwindawo yorhwebo yeBritane ePort Natal ukuba liphondo lamaBhulu ngo 1824 lizokohluthwa ngamaNgesi ngo 1843. Ibeliphondo ephantsi kweBritane ngo1910 xa lizibandakanya ne-Union of South Africa.Ngexesha le-CODESA phambi kwenkululeko ka-1994 kwavunyelwana ukuba eliphondo izakuba yi-KwaZulu-Natal.

UKumkani Misizulu kaZwelithini ufuna uNatal agruzulwe kwaphela kuba ume ngelithi elaphondo kuKwaZulu.UMabuyakhulu enguMphathiswa wesebe lezeMidlalo uBugcisa neNkcubeko uthi eligama uNatal lithetha umhla weKrismesi kwaye kwakuvunyelenwe ngalo kwingxoxo zaphambi kweNkululeko. Ngaphambili i-ANC yake yaphakamisa ukuba iphondo iNorth West ibizwe ngeqhawe lamaKomanisi u-JB Marks. Kukwakho nesiphakamiso sokuba kudityaniswe iphondo iMpuma Kapa neNtshona ze zibizwe ngoWinnie Madikizela-Mandela