Amagama amatsha eedolophu zeMpuma Kapa
Monwabisi Khininda | Mpuma Koloni
Urhulumente wephondo leMpuma Kapa ebembisene nesebe leZemidlalo uBugcisa neNkcubeko norhulumente kaZwelonke ubhengeze amagama amatsha wedolophu zeliphondo. Ukusukela ngomhla we-6 Febuwari 2026 kutyikitywe phantsi ukuba ukuqala ukuqala ngalomhla idolophu yaseMonti (East London) izakubizwa ngokuba kukwaGompo City, ukanti idolophu yaseRhafu izawukwaziwa njengeRobert Sobukwe Town.
Nanga amanye amagama ekuzobizwa ngawo iidolophu zeliphondo:-
EMonti-KuGompo
EBhayi-Gqeberha
Aliwal North-Maletswai
Grahamstown-Makhanda
Mount Frere-KwaBhaca
Mount Ayliff-eMaXesibeni
Mount Fletcher-Tlokoeng
Maclear-Nqanqarhu
Graaf-Reinet –Robert Sobukwe Town
Somerset East-KwaNojoli
Kirkwood-Nqweba
Cradock-Nxuba
Bizana-Mbizana
Queenstown-Komani
King Williams Town-Qonce
Isebe lithi la magama aginyaziswe yikomiti yoguquguqulo lwamagama ngenjongo zokubuyisa imbali kunye nokugcina isidima sabemi beliphondo.


