BusinessLocalNews

Kutshe uthotho lwevenkile kuTsolo 

Edition: 12 March 2026 – 25 March 2026

Intatheli: Monwabisi Khininda | Mpuma Koloni

Bekuvakala izithonga zokuqhushumba komlilo ngethuba kusitsha izakhiwo zeevenkile kwidolophu yakuTsolo kuLwesithathu weveki ephelileyo.Inkoliso yeevenkile ezitshiswe ngumlilo ekungekazeki ukuba uqalwe yintoni zezabemi bangaphandle. Lo mlilo uqale ngentsimbi yesihlanu ekuseni. Izicima –mlilo zesithili sase-OR Tambo ziye zaleqa ngoko nangoko kwindawo yexhwayelo zifike ngentsimbi yesixhenxe zawucima umlilo. Okwangoku akubikwanga ziganeko zakulimala kwabantu, kananjalo akuchazwanga ukuba umonakalo ungaxabisa ntoni. Inkcaza echanekileyo malunga nesi siganeko izakuphinda ibhengezwe nguMasipala waseMhlontlo xa sekuqokelelwe zonke iinkcukacha.

Zilishumi elinesibini iivenkile eziye zatshatyalaliswa ngulomlilo ziquka iivenkile zempahla yokwakha, ivenkile ezithengisa ukutya, ivenkile yamaTshayina nevenkile ezithengisa impahla yokunxiba. UMasipala waseMhlontlo uzimisele ukunikeza ngolwaluleko lwengqondo apho kudingeka khona.