UMphathiswa uStella Ndabeni-Abrahams ukhuthaze oosomashishini abancinci
20 kuCanzibe 2024 – Anele Raziya
UMphathiswa weSebe elijongene nokuphuhlisa amashishini amancinane, uStella Ndabeni-Abrahams ukhuthaze oosomashinini baseAlfred Nzo abasakhulayo ngokuthi abanike izixhobo zokusebenza kumashishini wabo.
Ndabeni-Abrahams uthe elinyathelo labo lesebe lizoncedisa ukuba lamashishini akwazi ukuvelisa amathuba wemisebenzi ingakumbi kulutsha.
Uthe bengurhulumente bazimisele kuthi kufika unyaka ka2030 babe bevelise amathuba emisebenzi azizigidi eziyi 11 million kodwa kwezo zigidi i-9 million kulindeleke iveliswe ngala mashishini.
Uqhube wathi amashishini amancinane nakhulayo ngawona adlala indima ebalulekileyo kakhulu kwicala lokhulisa uqoqosho ingakumbi kwindawo ezisemaphandleni ezifana noAlfred Nzo noNtabankulu.
Ukutsho oku kumsitho wakutsha nje ububanjelwe eNtabankuli Multi-purpose centre hall ezinze ngaphantsi komasipala waseNtabankulu.
Ulutsha obeliphuma nkalo zonke kwingingqi yaseAlfred Nzo belinxalenye yalo msitho obubizwa Business Development Ministerial Imbizo.
Amaqumrhu afana noSEFA, uSEDA nomasipala waseAlfred Nzo nawo ebeyinxalenye yalo msitho ngenjongo zokuxhasa eliphulo lijolise ekuphuhliseni iiprojekthi kunye namashishini.
Ulutsha nabantu abadala abenza imisebenzi eyahlukeneyo yezandla baye bafumana lo nhyweba yokufumana inkxaso kwisebe lika mphathiswa uNdabeni-Abrahams.
Ikiriva, istovu zegasi, izitulo, iwashing matshini neembiza zokupheka zezinye zezinto ebeziphakathi kwezinto aye wanikezela ngazo umphathiswa koosomashishini kunye neeprojekthi.
Ngoosomashishini abangaphaya kwamashumi amabini abaye baxhamla kwizinto ebenikezela ngazo uNdabeni-Abrahams.
Eli nyathelo ebengaqali ulenza apha eMpuma Koloni oka Abrahams njengoko kunyaka ophelileyo waxhasa oosomashishini baseMbhashe nabaseMnquma ngenjongo zokuba bakhulise amashishini wabo ingakumbi abo bathwaxekayo ngexesha le covid-19.
Umasipala waseAlfred Nzo uye wayibulela kakhulu lenkxaso yesebe lika Abrahams.

