Crime & SafetyLocalNews

Kuzingelwa abadubule abantu abane eGqeberha 

Edition: 12 March 2026 – 25 March 2026

Intatheli: Monwabisi Khininda | Gqeberha

Amapolisa aseMpuma Kapa aphume iphulo azingela abarhanelwa kulandela ukudutyulwa kwabantu abane kwaZakhele eGqeberha kwiveki ephelileyo. Kudizwe ukuba amapolisa asabele kwisikhalazo kwisitalato iTonjeni. Ngethuba efika apho adibene nonoogada abawakhokelele kwindlu engemva apho afumene khona imizimba emine.

Amaxhoba achazwe njengabafana abathathu abaphakathi kweminyaka eli-18 kunye namashumi amabini ubudala.Kanti elinye ixhoba yintombazana enamashumi amabini anesine yeminyaka ubudala. Bonke bafumene amanxeba aliqela okudutyulwa. ISithethi samapolisa uBrigadier Nobuntu Gantana uthi injongo yoluhlaselo ayikaziwa kwaye akukabanjwa mntu.

Nabani onganolwazi kufaniswe abarhanelwa okanye kuvele unozala wokubulawa kwamaxhoba uyacela aqhagamshelane noD/Lt Col Monde Sitole ku-082 457 2812 kungenjalo atyelele isikhululo samapolisa sakwaZakhele.